7 Ningathini kaloku ukusuka niwatyhafise ngolo hlobo amaSirayeli, xa wona ewela iJordan, esiya kuthatha umhlaba awuphiwe nguNdikhoyo?
8 Ooyihlo benza kwale nto ngokuya ndandibathuma siseKadeshe-bhaneya ukuba beze kuhlola lo mhlaba.
9 Bahamba baya kuma ngentili ye-Eshkoli, bawubona lo mhlaba, kodwa bathi bakubuya bawatyhafisa amaSirayeli, khon' ukuze angezi kweli lizwe aliphiweyo nguNdikhoyo.
10 Ke yena uNdikhoyo wakhathazeka, waza wafunga wathi:
11 ‘Ngenxa yokuba bengakholosanga ngam, kula madoda akwiminyaka emashumi mabini nangaphezulu aphuma eJiputa akukho nanye iya kungena kwelo lizwe ndabathembisa ngalo ooAbraham, uIsake, noYakobi.’
12 “Esi sifungo ke sabandakanya bonke ngaphandle kukaKalebhi unyana kaJefune umKeni, noYoshuwa unyana kaNune. Kaloku bona bakholosa ngoNdikhoyo.
13 UNdikhoyo ke wakhathazeka, waza amaSirayeli wawabhadulisa entlango isithuba seminyaka engamashumi amane, sada safa saphela eso sizukulwana sasimonile.