9 Bahamba baya kuma ngentili ye-Eshkoli, bawubona lo mhlaba, kodwa bathi bakubuya bawatyhafisa amaSirayeli, khon' ukuze angezi kweli lizwe aliphiweyo nguNdikhoyo.
10 Ke yena uNdikhoyo wakhathazeka, waza wafunga wathi:
11 ‘Ngenxa yokuba bengakholosanga ngam, kula madoda akwiminyaka emashumi mabini nangaphezulu aphuma eJiputa akukho nanye iya kungena kwelo lizwe ndabathembisa ngalo ooAbraham, uIsake, noYakobi.’
12 “Esi sifungo ke sabandakanya bonke ngaphandle kukaKalebhi unyana kaJefune umKeni, noYoshuwa unyana kaNune. Kaloku bona bakholosa ngoNdikhoyo.
13 UNdikhoyo ke wakhathazeka, waza amaSirayeli wawabhadulisa entlango isithuba seminyaka engamashumi amane, sada safa saphela eso sizukulwana sasimonile.
14 Nina ke eningene ezihlangwini zooyihlo, nisisizukulwana esitsha esigwenxa esizimisele ukuhlisela umsindo kaNdikhoyo phezu kwamaSirayeli kwakhona.
15 Nani ke, maRubhen namaGadi, ukuba niyala ukunamathela kuye ngoku, uya kuphinda awalahle entlango amaSirayeli, ize ke intshabalalo yawo ibe yimhemhe yenu.”