11 *UNdikhoyo wathetha noMosis,
12-14 wathi makayalele amaSirayeli, athi: “Kungenzeka ukuba indoda isole umkayo, imkrokrela ukuba unento yokwenza nenye indoda, kodwa yona ibe ingaqinisekanga, kuba umcimbi lowo ungathiwanga pahaha, futhi ke ingenangqina nabungqina buphathekayo, njengoko engabanjwanga umfazi lowo. Mhlawumbi kungenzeka ukuba indoda leyo ibinamagxa nje, kungekho nanto ibitheni ayenzileyo umfazi lowo.
15 Nokuba kuyiyiphi na imeko, indoda leyo iya kumthatha umfazi lowo, iye naye kumbingeleli. Kananjalo iya kuphatha ikhilogram enye yomgubo werhasi oyimfanelo yedini; kambe ke ayiyi kuwugalela mafutha nasiqhumiso, kuba ulidini elikhutshwa yindoda enobukhwele, umnikelo wokuphanda inyaniso.
16 “Umbingeleli ke uya kumthatha umfazi lowo, ammise *esibingelelweni phambi koNdikhoyo.
17 Uya kuthatha amanzi awodwa, awagalele engqayini, aze akhe umhlaba apho phantsi esibingelelweni, awugalele kuloo manzi, ukuze akrakre.
18 Uya kusuka ke azikhulule iinwele zomfazi lowo, amnike loo mgubo womnikelo, awuphathe ngesandla. Ke yena umbingeleli uya kuphatha laa ngqayi inamanzi akrakrayo azisa ishwangusha kumntu onetyala.
19 Umbingeleli ke uya kumfungisa umfazi lowo esithi: ‘Ukuba kuthe kanti awukhange ube nanto yakwenza nandoda yimbi, uza kuba msulwa kwishwangusha eliziswa ngala manzi.