13 Kwahlwa ke, kwaza kwasa. Lowo ke yaba ngumhla wesithathu.
14 Kwakhona uThixo wathi: “Makuvele izikhanyiso esibhakabhakeni, zahlukanise imini nobusuku, zibe yimiqondiso yamathuba, imihla, neminyaka.”
15 Wathi: “Mazivele esibhakabhakeni, zikhanyise elizweni.” Kwaba njalo ke.
16 UThixo wênza izikhanyiso ezibini ezikhulu: esikhulu sibe sesasemini, esincinane sibe sesasebusuku. Wênza neenkwenkwezi.
17 UThixo wazibeka esibhakabhakeni ezo zikhanyiso, ukuze zikhanyise elizweni,
18 zongamele imini kunye nobusuku, nokuze zahlule ukukhanya nobumnyama. Wakholwa uThixo nazizo.
19 Kwahlwa, kwasa, yaba ngumhla wesine.