Eyeziqalo 10 XHO96

Umlibo wenzala yoonyana bakaNowa

1 Nanga amagqabantshintshi ngoonyana bakaNowa, uShem noHam noYafete. Kaloku nabo bazala oonyana emva kwemvulakazi kanogumbe.

2 Oonyana bakaYafete naba: nguGomere, uMagogi, uMadayi, uJavan, noTubhali, uMesheki, noTisari.

3 Inzala kaGomere ngama-Ashkenezi, amaRifati, namaTogarma.

4 Inzala kaJavan yona ngamaElisha, amaTashishe, amaKiti, namaDodan.

5 Ngabo abangookhokho babantu ababegudle unxweme nabo babeseziqithini. Yinzala kaYafete ke leyo, eyayimi izizwe ngezizwe kwiindawo ngeendawo, isizwe ngasinye sithetha olwaso ulwimi.

6 Oonyana bakaHam nguKushe, uMizerayim, uPuti, noKanana.

7 Inzala kaKushe yaba ngamaSebha, amaHavila, amaSabheta, amaRama, namaSabheteka. Inzala kaRama ngamaShebha namaDedan.

8 UKushe wayenonyana ogama linguNimrodi, owaba lelona kroti libalaseleyo elizweni.

9 Ngoncedo *lukaNdikhoyo waba lichebesha lezingela. Yiyo ke loo nto kuthiwa xa kuthethwayo: “Wanga uNdikhoyo angakupha amandla, ube lizingela, ufuze uNimrodi.”

10 Lwaqala eBhabheli, e-Ereki, naseAkadi ulawulo lwakhe. Zontathu ezo ndawo zikwelaseBhabheli.

11 Ukusuka apho waya eAsiriya apho wakha isixeko saseNiniva, esaseRehobhoti-ire, nesaseKala,

12 kunye neRezen emi phakathi kweNiniva nesixekokazi iKala.

13 Inzala kaMizerayim yaba ngamaLudi, ama-Anam, amaLehabhi, amaNafetuyi,

14 amaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwakuvela khona amaFilistiya namaKafto.

15 Oonyana bakaKanana nguSidon owamazibulo, kunye noHeti,

16 noJebhusi, noAmori, noGirgashi,

17 noHivi, noAreki, noSini,

18 noArvadi, noZemari, noHamati. Izizwe ngezizwe zakwaKanan zathi saa,

19 yada imida yazo yaya kuthi xhaxhe ngeSidon, yada yaya kutsho eGerari ngaseGaza, yenjenjeya ukuya eSodom naseGomora, eAdama naseZebhoyim kufuphi neLasha.

20 Yinzala kaHam ke le eyayimi izizwe ngezizwe kwiindawo ngeendawo, sizwe ngasinye sithetha olwaso ulwimi.

21 UShem, umkhuluwa kaYafete, waba ngukhokho wamaHebhere.

22 Oonyana bakhe nguElam, uAsuri, uArpakishadi, uLudi, noAram.

23 Inzala ka-Aram yaba ngamaUzi, amaHuli, amaGetere, namaMahi.

24 UArpakishadi wazala uShela, owazala uHebhere.

25 UHebhere wazala oonyana ababini. Omnye nguPelege, kuba ngexesha lakhe abantu babahlulelene elizweni, omnye yayinguJoketan.

26 Inzala kaJoketan yaba ngama-Alemodadi, amaShelefe, amaHazare-mavete, amaJera,

27 amaHadoram, amaUzali, amaDikela,

28 amaObhali, ama-Abhimayeli, amaShebha,

29 amaOfire, amaHavila, namaJobhabhi. Zonke ezi zizwe yinzala kaJoketan.

30 Umhlaba ababemi kuwo wawusuka eMesa uye kuthi xhaxhe ngeZefara kweleentaba empumalanga.

31 Yinzala kaShem ke leyo, eyayimi izizwe ngezizwe kwiindawo ngeendawo, isizwe ngasinye sithetha olwaso ulwimi.

32 Yinzala kaNowa yonke ke le, izizizwe ngezizwe ngokwemilibo yazo. Emva kwemvula kanogumbe zonke izizwe elizweni zavela koonyana bakaNowa.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50