Eyeziqalo 30 XHO96

1 URakeli wayengekazali mntwana wonke lo gama. Waba nobukhwele ngodade wabo, wavakala esithi kuYakobi: “Ndiphe abantwana; kungenjalo ndisuke ndife kunale nto.”

2 Wacaphuka uYakobi, wathi ukuphendula: “NdinguThixo kakade mna? Uvalwe ndim, ungazali nje?”

3 Uthe uRakeli: “Nanku uBhiliya impelesi yam; ungamngeni nje, andizalele umntwana, nowam umzi wande?”

4 Wayikhulula ke impelesi yakhe, wayinika umyeni wakhe, wayambatha.

5 Wakhulelwa uBhiliya, wazala umntwana oyinkwenkwe.

6 Wathi uRakeli: “UThixo undigwebele; usivile isicelo sam, wandipha unyana.” Wathi ke igama laloo mntwana nguDan.

7 Waphinda wakhawulwa uBhiliya, wazala enye inkwenkwe kwakhona.

8 Wathi uRakeli: “Ndizamene gqitha nodade wethu, kodwa ngoku ndimoyisile.” Wathi ke igama laloo nkwenkwe nguNafetali.

9 Uthe ke uLeya akuziqonda ukuba akasazali, wanika uYakobi impelesi yakhe uZilipha ukuba ibe liqadi lakhe.

10 Wazala inkwenkwe uZilipha.

11 Wathi uLeya: “Ndisikelelekile.” Wathi ke igama layo nguGadi.

12 UZilipha wazala enye inkwenkwe.

13 Wathi uLeya: “Andisavuyi ngako! Nabanye abafazi baza kuthi ndiyavuya.” Kwathiwa ke loo nkwenkwe nguAshere.

14 Xa kwakuvunwa ingqolowa, uRubhen wafumana imithuma yentando emasimini, wayisa kuLeya unina. URakeli wathi kuLeya: “Khawundiphe emithumeni leyo ifunyenwe ngumntwanakho.”ULeya wathi:

15 “Yho! Hleli nje, kanti akwanelanga kukuhlutha indoda yam! Ngoku selufun' ukundihlutha nemithuma le yomntwanam!”Wathi uRakeli: “Kanti ungalala naye ngokuhlwanje uYakobi, ukuba uyandipha.”

16 Ukufika kukaYakobi, evela emasimini ngokuhlwa, uLeya wamkhawulela, wafika wathi: “Uza kulala nam ngokuhlwanje, kuba ndikuthenge ngemithuma yomntwanam.” Walala noLeya ke ngoko kuhlwa uYakobi.

17 UThixo wayiva imithandazo kaLeya, wakhawula, waphinda wazala enye yesihlanu inkwenkwe.

18 Wathi: “UThixo uyandibuyisela kuba impelesi yam ndiyinikele kumyeni wam.” Wathi ke loo nkwenkwe nguIsakare.

19 Wakhulelwa, waphinda wazala enye inkwenkwe uLeya, eyesithandathu ngoku.

20 Wathi: “UThixo undiphe isipho esihle; umyeni wam kuya kunyanzeleka ukuba andixabise, ndizele amadoda amathandathu nje.” Wathi ke loo nkwenkwe nguZebhulon.

21 Emva koko wazala intombi, wathi yona nguDayina.

22 UThixo wamva uRakeli, wayiphendula imithandazo yakhe, wamvula wazala.

23 Wakhawula, wazala inkwenkwe. Wathi: “UThixo ulisusile ihlazo lam.”

24 Wathi ke igama layo nguJosefu, esithi: “Wanga uNdikhoyo angandongezela kwaenye inkwenkwe.”

Iqhinga likaYakobi

25 Emva kokuvela kukaJosefu, uYakobi wathi kuLabhan: “Ndikhulule, khon' ukuze ndibuyele kowethu.

26 Ndinike abafazi bam nabantwana bam endibasebenzeleyo, ndihambe. Uyakwazi ukubulaleka kwam ndikusebenzela.”

27 Wathi uLabhan: “Mandiyithethe yona into yokuba ndityhilelwe ukuthi ndihlumé ndatsho ndasisinhanha ngenxa yokuba *uNdikhoyo ekusikelele.

28 Ndixelele umvuzo owufunayo nje wena, ndikunike.”

29 Uthe uYakobi: “Wazi kakuhle indlela ebendisebenza ngayo, nento yokuba yande kangakanani na imfuyo yakho ebisaluswa ndim lo.

30 Laa mbinana wawunayo ukufika kwam, yande kakhulu, yaye noNdikhoyo ebekuthamsanqelisa ngenxa yam. Nam ngoku ndifuna ukusebenzela intsapho yam.”

31 “Ndikuhlawule ntoni?” ubuzile uLabhan.Uthe uYakobi: “Andifuni ntlawulo. Ndiza kuhlala ndiyaluse imihlambi yakho, ukuba nje siyavumelana ngale ndawo.

32 Namhlanje ndiza kuya phaya emhlambini, ndifike ndiwakhethe onke amatakane amnyama nazo zonke iibhokhwe ezingcitha. Kuphela komvuzo endiwufunayo ke lowo.

33 Kuya kuba lula ke kamva ukuqonda xa ndibile. Uya kuthi uqonde ngaloo nto ke xa uze kuhlola ukuba ndibile na: xa uthe wafika ndingenazo iibhokhwe ezingcitha, kungekho nagusha imnyama, uya kwazi ukuba ndibile.”

34 Uthe uLabhan: “Sivene ke, mfo. Masenjenjalo ke.”

35 Kwangaloo mhla uLabhan wazahlula emihlambini zonke iinkunzi zeebhokhwe ezingcitha, kwakunye nezeegusha ezimnyama. Wathi mazaluswe ngoonyana bakhe,

36 bemka nawo loo mhlambi umgama owawunokuthathwa ngeentsuku ezintathu. UYakobi yena wasala neminye imihlambi kaLabhan.

37 UYakobi wagawula iipali ezisemanzi zepampiri, nezom-almondi, kunye nompleyini. Wazixoza amaxolo, kwavela iindawo ezimhlophe.

38 Wazigxumeka emijelweni kwezo ndawo kusela kuzo imihlambi. Loo nto wayenza kuba iinkunzi zazikhwela xa zize kusela.

39 Ezo mazi zeebhokhwe zazikhwelwa ngaphambi kwezo pali zazala amatakane angcitha.

40 UYakobi wazahlula iigusha ezibhokhweni, wazijongisa ngakweziya zingcitha. Wawenza ngolu hlobo ke owakhe umhlambi, wawahlula kokaLabhan.

41 Xa zikhwelwa iimazi ezomeleleyo, uYakobi wayedla ngokumisa ezo pali phambi kwazo kuloo ndawo yokusela, ukuze zizalele phantsi kwezo pali.

42 Kodwa imigqutsuba wayengayizisi yona phantsi kwezo pali. Kungekudala ekaLabhan imihlambi yaba yile iyimigqutsuba, ekaYakobi yona yaba yile yomeleleyo.

43 Wahluma, watyeba ngaloo ndlela ke uYakobi. Waba nemihlambi emininzi, nezicaka, iinkamela, needonki.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50