Eyeziqalo 11 XHO96

Inqaba yaseBhabheli

1 Ngelo xesha abantu elizweni babethetha ulwimi olunye, besebenzisa namagama afanayo ezinto.

2 Ke ekubhaduleni kwabo kwelasempumalanga bada baya kutsho kumathafa aseBhabheli, bema apho.

3 Bathethana bathi: “Masenze izitena, sizitshise ziqine.” Baza ke basebenzisa ezo zitena endaweni yamatye, netha endaweni yodaka.

4 Bathi ke: “Masakhe isixeko, senze nenqaba enencopho eya kutsho esibhakabhakeni, ukuze sibe negama nathi, singathi saa elizweni.”

5 *UNdikhoyo wehla weza kusibona eso sixeko babesakhile nenqaba leyo,

6 waza wathi: “Xa aba bantu beluhlanga olunye, bekwantetho-nye, sebeqala ngokwenjenje, abanakuxakwa nayintoni na abafuna ukuyenza.

7 Yizani sihle, ulwimi lwabo silwenze lube yingxuba-kaxaka, khon' ukuze bangevani ngentetho.”

8 Wabathi saa elizweni uNdikhoyo, àbasakha neso sixeko.

9 Kwathiwa eso sixeko yiBhabheli, kuba kaloku uThixo wasuka wayenza ingxuba-kaxaka intetho yabantu. Ukusuka apho abantu bathi saa elizweni.

Inzala kaShem

10 Nanga amagqabantshintshi ngoShem. Kudlule iminyaka yamibini emva konogumbe, uShem wazala unyana uArpakishadi selenekhulu leminyaka ubudala.

11 Uhleli amanye amakhulu amahlanu emva koko, wazala abanye abantwana.

12 Akuba namashumi mathathu anantlanu uArpakishadi, wazala unyana uShela.

13 Emva koko uhleli amakhulu mane anantathu, wazala nabanye abantwana.

14 Akuba namashumi mathathu uShela, wazala unyana uHebhere.

15 Wahlala amakhulu mane anantathu emva koko, wazala nabanye abantwana.

16 Wayenamashumi mathathu anane uHebhere ukuzala kwakhe unyana uPelegi.

17 Uhleli amakhulu mane anamashumi mathathu emva koko, wazala abanye abantwana.

18 UPelege uzele unyana, uRewu, emashumi mathathu ubudala.

19 Uhleli amakhulu mabini anethoba emva koko, wazala nabanye abantwana.

20 URewu uzele unyana, uSerugi, emashumi mathathu anambini ubudala.

21 Uhleli amakhulu mabini anesixhenxe emva koko, wazala nabanye abantwana.

22 Akuba mashumi mathathu ubudala uSerugi, wazala uNahore.

23 Uhleli amakhulu mabini eminyaka emva koko, wazala nabanye abantwana.

24 Wayenamashumi mabini anethoba uNahore ukuzala kwakhe unyana wakhe uTera.

25 Emva koko uhleli ikhulu lineshumi elinethoba leminyaka, waza wazala nabanye abantwana.

26 UTera wayeselenamashumi asixhenxe ukuzala kwakhe uAbram noNahore noHaran.

Inzala kaTera

27 Nanga amagqabantshintshi ngoTera uyise ka-Abram noNahore noHaran. UHaran wazala uLothe,

28 waza kwayena uHaran watshabela kwakweso sixeko sakubo, iUre kwelamaKaledi. Uyise wayesadla amazimba.

29 UAbram wathatha uSarayi, waza uNahore yena wathatha uMilika, intombi kaHaran uyise kaIska.

30 Ke kaloku uSarayi wayengenabantwana, kuba wayengazali.

31 UTera wafuduka eUre, ehamba noAbram unyana wakhe, kunye nomzukulwana wakhe uLothe, unyana kaHaram, kwakunye noSarayi umolokazana wakhe, umka-Abram. Wemka kwelamaKaledi, wafudukela welaseKanana. Bahamba bada baya kutsho eHaran, bafika bema apho.

32 Wabhubhela apho eHaran uTera emakhulu mabini anantlanu ubudala.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50