Eyeziqalo 33 XHO96

UYakobi uhlangana noEsawu

1 UYakobi wambona uEsawu esiza namakhulu amane amadoda, waza abantwana wabahlula-hlula phakathi koLeya noRakeli namaqadi abo omabini.

2 Wabeka amaqadi nabantwana bawo ngaphambili, weza noLeya nabantwana bakhe, kwaza ekugqibeleni yanguRakeli noJosefu.

3 UYakobi wayengaphambi kwabo, ekhahlela kwada kwakasixhenxe njengokuba wayesiya esondela kumntakwabo.

4 UEsawu wakhawuleza ukuya kuye, waziphosa kuye, wamgona, wamanga. Balila bobabini.

5 Akusinga-singa uEsawu, wabona abo bafazi nabo bantwana, wabuza wathi: “Ngoobani aba uhamba nabo?”“Mhlekazi, ngabantwana endibaphiwe nguThixo,” utshilo uYakobi.

6 Eza amaqadi nabantwana bawo, afika akhahlela.

7 Kwalandela uLeya nabakhe abantwana, kwaza kwagqibela uJosefu noRakeli, nabo bakhahlela.

8 UEsawu uthe: “Yona laa mihlambi ndihlangene nayo endleleni?”Uthe ukuphendula uYakobi: “Bendiyithumela ukuza kundicengela kuwe, mhlekazi.”

9 Uthe uEsawu: “Ndinemfuyo ngokwaneleyo, mfo wethu; gcina izinto zakho.”

10 UYakobi wathi: “Ndincede, zithathe ukuba uyasamkela isicengo sam. Xa ndibona ubuso bakho, ngathi ndibona ubuso bukaThixo, ingakumbi ngoku sowundamkele ngobubele.

11 Zithathe kaloku ezi zipho ndikuphathele zona. UThixo undenzele ububele, wandipha yonke into ebendiyifuna.” UYakobi wamcenga uEsawu, wada woyisakala wazithatha ezo zipho.

12 Uthe uEsawu: “Masilungiselele ukunduluka ngoku. Mna ndiza kukukhapha.”

13 UYakobi uthe: “Kaloku abantwana bam baselula, yaye kufuneka ndicingele neegusha kunye namatakane azo, kuba ukuba zikhe zaxheshwa usuku nje olunye, zingafa zonke.

14 Hamba ngaphambili wena, mna ndolandela, ndicothoza kunye nabantwana kunye nemihlambi, de ndikufumane e-Edom.”

15 Wathi uEsawu: “Xa kunjalo ke makushiyeke namanye amadoda kula ndihamba nawo.”Kodwa wathi uYakobi: “Hayi, akukho mfuneko; kwanele xa ndamkelekile kuwe.”

16 Wanduluka ke ngaloo mini uEsawu ukusinga e-Edom.

17 Kodwa yena uYakobi wenjenjeya esiya eSukoti. Apho wazakhela indlu, nemihlambi yakhe wayenzela uthango. Yiyo loo nto loo ndawo kuthiwa yiSukoti.

18 Ekubuyeni kwakhe ePadan-aram, uYakobi wahamba kakuhle, waya kufika kwidolophu iShekem kwelaseKanana, wamisa apho kufuphi nedolophu leyo.

19 Wawuthenga loo mhlaba kubazukulwana bakaHamore uyise kaShekem ngekhulu leesiliva.

20 Wenza iqonga lamadini apho, wayithiya loo ndawo ngoThixo, uThixo wamaSirayeli.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50