Eyeziqalo 13 XHO96

Ukwahlukana kuka-Abram noLothe

1 Ukuphuma kwakhe eJiputa uAbram wabheka ngasentla emazantsi aseKanana, ehamba nomkakhe, nemfuyo yakhe yonke, uAbram, eneegusha neebhokhwe kwakunye noLothe.

2 Wayefumile neenkomo, enayo nesiliva negolide.

3 Nalapho wemka, edlula kwiindawo ngeendawo, esingise eBhetele.

4 Wafika kulaa ndawo wakha wagxumeka kuyo iintente kuqala, leya iphahlwe yiBhetele neAyi, apho wayenzele khona uThixo iqonga, wanqula khona *uNdikhoyo.

5 ULothe naye wayeneegusha neebhokhwe neenkomo, nentsapho nezicaka zakhe.

6 Ngoko ke amadlelo akazange ayanele impahla yabo eninzi, nomhlaba wokuhlala awabanela.

7 Kwabakho ingxwaba-ngxwaba phakathi kwamadoda alusa impahla ka-Abram namadoda alusa ekaLothe. AmaKanana namaPerezi ayesahlala kwelo zwe.

8 UAbram wathi kuLothe: “Siyazalana, mfondini; masingabhidani, namadoda ethu makangalwi.

9 Kungcono sahlukane; umhlaba uphangalele. Zikhethele nayiphi na indawo, uye kwelo cala, mna ndiye kwelinye.”

10 Wakhangela uLothe, waphawula ukuba yonke loo ntili yeJordan ukuya kuma ngeZoware, yayingumhlaba onamanzi. Wawufana nomyezo kaNdikhoyo, ufana nqwa nelaseJiputa. Ngeli xesha kwakungaphambi kokutshatyalaliswa kweSodom neGomora.

11 ULothe wayithatha yonke loo ntili yeJordan, wenjenjeya ukubheka ngasempumalanga. Aba ayahlukana njalo loo madoda mabini.

12 Wasala kwilizwe laseKanana uAbram, uLothe yena wagxumeka iintente kuloo ntili iphakathi kwezo zixeko zingaseSodom.

13 Abantu baseSodom babegwenxa, bemona gqitha uNdikhoyo.

UAbram uya eHebron

14 Akuba emkile uLothe, *uNdikhoyo wathi kuAbram: “Bheka-bheka ukhangele kakuhle macal' onke ukuloo ndawo umi kuyo.

15 Wonke loo mhlaba uwubonayo ndiza kuwunika wena kunye nenzala yakho. Niya kuwuma ngalo lonke ixesha.

16 Ndiza kukunika inzala eninzi, ibe yinyambalala engaphezu kwentlabathi, engenakubalwa mntu.

17 Hamba ke, uye kuwuhlola macal' onke loo mhlaba, kuba ndikunika wona.”

18 UAbram ke wazikhulula iintente, wemka waya kuma ngakwimithi yaseMamre eHebron, apho wamenzela khona uNdikhoyo iqonga lamadini.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50