Eyeziqalo 34 XHO96

Ukuhlaziswa kukaDayina

1 Ngamhla uthile uDayina intombi kaYakobi noLeya waya kubutha kwezinye iintombi zaseKanana.

2 UShekem, unyana kaHamore umHivi inkosi yaloo mmandla, wambona, wemka naye, wazithathel' isondo kuye.

3 Wasuka wathi ti yiloo ntombi uShekem, wayithanda, wazama ukuzicengezela kuyo.

4 Waxelela uyise ukuba makamthathele yona ibe ngumkakhe.

5 Weva uYakobi ukuba intombi yakhe yonakele. Kodwa ngenxa yokuba babengekho oonyana bakhe, besemadlelweni, akazange enze nto kwada kwabuya bona.

6 Uyise kaShekem uHamore waya kuthetha noYakobi.

7 Kwakuxa kanye babuyayo emadlelweni oonyana bakaYakobi. Bothuka, bakhathazeka kakhulu bakuyiva into embi kangaka eyenziwe nguShekem yokunyelisa amaSirayeli ngokulala nentombi kaYakobi, nto leyo ingenziwayo kwaSirayeli.

8 UHamore wenjenje ebhekisa kuYakobi: “Unyana wam uShekem uyayithanda le ntombi yakho. Ndiyakucela ke, mvumele ayithathe.

9 Masivane thina kwinto yokuba abantu bethu bendiselane.

10 Nawe ke ungema naphi na kulo mhlaba wakowethu, urhwebe nokurhweba kangangoko uthanda, ufuye nempahla.”

11 Uthe ke yena uShekem kuYakobi noonyana bakhe: “Ndikhululeleni le ntombi. Ndiya kuhlawula nantoni na eniyifunayo.

12 Ndixeleleni ikhazi emandilikhuphe, libe likhulu kangangoko nifuna; nixele namabhaso eniwafunayo, ndininike. Nantoni na eniyifunayo ndingayikhupha, ukuba nje niyavuma ndimthathe uDayina.”

13 Ngenxa yokuba uShekem wayeselemhlazisile udade wabo uDayina, oonyana bakaYakobi babaphendula ngelibaqhathayo ooShekem noyise uHamore,

14 benjenje: “Asinakumendisela kumntu ongalukanga udade wethu. Into enjalo ingalihlazo.

15 Singavuma xa nina, kunye nawo onke amadoda alapha, nisaluka, nifane nathi.

16 Nolwendiselwano olu nina nithetha ngalo singalwamkela phantsi kwaloo mqathango kuphela, sihlale phakathi kwenu, sibe ngabantu abanye.

17 Kodwa ke ukuba anivumelani nathi ngale ndawo, siya kumthatha udade wethu, sifuduke apha.”

18 Yavakala ilungile imihle le miqathango kuHamore nakunyana wakhe uShekem.

19 UShekem akapholisanga maseko, ngenxa yokuba wayemthanda uDayina intombi kaYakobi. UShekem wayexatyiswe kakhulu kowabo.

20 UHamore noShekem babizela amawabo embizweni ngasesangweni ledolophu, babhekisa kuwo benjenje:

21 “Abaya bantu ngabahlobo bethu. Masibavumele bahlale bazive besekhaya apha kowethu. Mkhulu lo mhlaba; ungasanela sonke. Singendiselana nokwendiselana nabo.

22 Kodwa abaya bantu bathi bohlala phakathi kwethu, sibe ngabantu abanye, ngaphantsi komqathango omnye: lo wokuba onke amadoda aluke, afane nabo.

23 Anithi ke izinto zabo nemfuyo yabo yonke ayingebi yeyethu xa kunjalo? Masivumelane ke nabo, bahlale nathi.”

24 Laba linye kumntu wonke kubemi baloo dolophu, aza onke amadoda aluka.

25 Emva kweentsuku ezintathu, xa kanye onke amadoda aqhanile ziintlungu, oonyana ababini bakaYakobi, abanakwabo-Dayina, uSimon noLevi, bathatha amakrele abo, bangena esixekweni, bengarhanelwa bani, bafika bawabulala onke amadoda

26 kunye noHamore noShekem. Baya kuthatha uDayina kwaShekem, bemka naye.

27 Emva koko abanye oonyana bakaYakobi bangena edolophini, bayiphanga, bekhupha isixhiba ngenxa yokunyeliswa kodade wabo.

28 Bemka neegusha, neenkomo, needonki, babutha konke esixekweni nasemadlelweni.

29 Yonke into enexabiso bahamba nayo, bathatha bonke abafazi nabantwana kunye nempahla yezindlu.

30 UYakobi wathi kuSimon noLevi: “Nina nindibangela ingxwaba-ngxwaba ngale nto. Ngoku ndiza kucatshukelwa ngabantu bonke, amaKanana kunye namaPerezi. Andinamadoda maninzi mna. Ukuba bona banokudibana bandihlasele ungatshabalala wonke umzi wam.”

31 Bamphendula ngelithi: “Besingenakuyeka udadethu aphathwe njengehenyukazi.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50