Eyeziqalo 28 XHO96

1 UIsake wabiza uYakobi, wamsikelela, wathi kuye: “Uze ungathathi nanye kwezi ntombi zaseKanana.

2 Hamba uye kulonyoko ePadan-aram, kwaBhetuweli, uzithathele umfazi apho phakathi kweentombi zikanyokolume uLabhan.

3 Wanga uThixo uSomandla angakusikelela, akunike inzala, yande, ibe zizizwe ezininzi.

4 Wanga uThixo angawagqithisela kuwe nakwinzala yakho amathamsanqa ka-Abraham, niwume loo mhlaba uThixo wayemise kuwo uAbraham kuqala.”

5 Wenjenjalo ke uIsake ukundulula uYakobi, emthumela ePadan-aram kuLabhan unyana kaBhetuweli umAram. Lo Labhan ngumnakwabo-Rabheka unina kaYakobi noEsawu.

UEsawu uthatha omnye umfazi

6 UEsawu weva ukuba uYakobi usikelelwe wathunyelwa ePadan-aram,Oko kukuthi “kwiMesopotami engentla” ukuba aye kufuna umfazi. Weva nokuba xa wayesikelelwa wayalelwa ukuba angaze athathe umfazi eKanana.

7 Weva nokuba uYakobi wamthobela uyise nonina, waya ePadan-aram.

8 Waqonda ke uEsawu ukuba uyise wayengazithandi iintombi zaseKanana.

9 Waya kwaIshmayeli ke, unyana ka-Abraham, wathatha intombi yakhe uMahalati, udade boNebhayoti.

Iphupha likaYakobi eBhetele

10 Wenjenjeya ukusuka eBheshebha uYakobi, esinga eHaran.

11 Wafika ndaweni ithile, walalisa apho, kuba laliselitshonile ilanga. Uthathe ilitye, waqamela ngalo, walala.

12 Waphupha ngathi ubona ileli esuka emhlabeni, yaya kuthi xhaxhe ngesibhakabhaka. Izithunywa zikaThixo zazisihla zinyuka ngayo.

13 Wabona *uNdikhoyo emi ngakuye esithi: “NdinguNdikhoyo, uThixo kayihlo-mkhulu uAbraham noyihlo uIsake. Lo mhlaba ulele kuwo uya kumiwa nguwe nayinzala yakho.

14 Inzala yakho iya kuba ngangentlabathi ubuninzi bayo. Yaye iya kuxanda, inabe kumacala onke. Zonke izizwe ziya kuthamsanqeliswa ngenxa yakho nenzala yakho.

15 Ndiza kusoloko ndinawe, ndikukhusele naphi na apho uya khona, ndibuye ndikubuyisele kwakule ndawo. Andiyi kukushiya ndide ndizenze zonke izinto endizithembisileyo.”

16 Akuphaphama uYakobi, wathi: “Ngenene uNdikhoyo ukho kule ndawo; ndibe bendingayazi loo nto.”

17 Wangenwa luvalo kwaoko, wathi: “Hayi ukoyikeka kwayo le ndawo! Yindlu kaThixo le! Lisango lezulu eli!”

18 Wavuka kwangentseni uYakobi. Wathatha elo litye wayeqamele ngalo, wenza ngalo isikhumbuzo; waligalela amafutha.

19 Wathi loo ndawo yiBhetele. Kodwa ke isixeko salapho kwakusithiwa yiLuzi.

20 UYakobi ke yena wenza esi sifungo: “Ukuba uThixo undigcinile wandilondoloza kolu hambo, andiphe ukutya nezambatho

21 ndide ndibuyele ekhaya, ngenene ndiya kumkhonza uNdikhoyo, abe nguThixo wam.

22 Eli litye lesikhumbuzo ndilimise apha liya kuba yindawo yokunqulela uThixo. Ndiya kumahlulela isishumi kwizinto andipha zona.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50