Eyeziqalo 21 XHO96

Ukuvela kukaIsake

1 *UNdikhoyo wamenzela isisa uSara ngokuthi asizalisekise isithembiso sakhe.

2 USara wakhulelwa, waza wazala umntwana oyinkwenkwe, sele aluphele uAbraham. Wamzala kanye ngelaa xesha wayelixelile uThixo.

3 Wamthiya igama loo mntwana uAbraham, wathi nguIsake.

4 Uthe ke akuba ntsuku zisibhozo ezelwe, wamalusa uAbraham ngokomyalelo kaThixo.

5 UAbraham wayeselenekhulu leminyaka ukuzalwa kukaIsake.

6 Wada wathi uSara: “UThixo undenze ndakwazi ukuhleka, yaye wonke ubani oyivayo le nto wohleka kunye nam.”

7 Uqokele wathi: “Ibingubani kakade obenokuthi kuAbraham ndiza kuba ngumdlezana owanyisayo? Naku ke kodwa ndizele umntwana wakhe, eyinkothovu yexhego enjalo!”

8 Lwakhula usana lwada lwalunyulwa. Wenza elikhulu lona itheko uAbraham ukulunyulwa kwaloo mntwana.

Ukugxothwa kukaHagare noIshmayeli

9 Ngaminazana ithile uSara wabona umntakaHagare umJiputakazi, lowa uHagare wamfumana kuAbraham, edlala ngoIsake.

10 Waya kuthi kuAbraham: “Wethu, sikhuphele ngaphandle esi sicakazana kunye nomntwana waso. Andiyi kuyivumela yona into yokuba lo mntwana wesi sicakazana sahlulelane ngelifa kunye noIsake umntwana wam!”

11 Le nto yamkhathaza gqitha uAbraham, kuba noIshmayeli lowo wayengumntwana wakhe.

12 Wavakala esithi uThixo kuye: “Hayi, sukuzikhathaza ngenxa yalo mntwana nesicakazana sakho. Yenza loo nto ithethwa nguSara wena, kuba kaloku abazukulwana bakho boba yinzala kaIsake.

13 Ewe, nonyana wesicakazana lo uya kuzala isizwe esikhulu, kuba kaloku naye ngumntwana wakho ncam.”

14 Kwakusasa ngengomso uAbraham wavuka wathatha ukutya kunye nentsuba ezele ngamanzi, wazinika uHagare, wamthwalisa, wathi makahambe nomntwana wakhe. Wemka ke uHagare, wahamba ebhadula kuloo ntlango iyiBheshebha.

15 Akuphela amanzi awayewaphethe, wamqhusheka etyholweni umntwana,

16 wemka wathi qelele, wahlala phantsi. Watsho esithi: “Andinakuyinyamezela into yokubona umntwana wam esifa.” Uthe ehleli apho zehla iinyembezi.

17 UThixo wamva ekhala umntwana, kwavakala ilizwi lesithunywa livela ezulwini, lisithi kuHagare: “Ukhathazwa yintoni, Hagare? Sukoyika. UThixo umvile umntwana wakho kulaa ndawo umbeke kuyo.

18 Hamb' uye kumthatha umthuthuzele. Úya kuba ngunozala wesizwe esikhulu.”

19 UThixo wawavula amehlo kaHagare, nako kubonakala umthombo. Waya kuzalisa loo ntsuba, waseza nomntwana wakhe.

20-21 UThixo wamgcina loo mntwana, wakhula ehlala kuloo ntlango yaseParan. Waba yincutshe yomzingeli. Unina wamthathela intombi engumJiputakazi.

Imvumelwano ka-Abraham noAbhimeleki

22 Ngelo xesha kwafika uAbhimeleki ehamba noPikoli umphathi-mkhosi, wathi kuAbraham: “Yonke into oyenzayo inesandla sikaThixo kuyo, Abraham.

23 Ngoko ke khawufunge ngoku apha phambi koThixo ukuba akusokuze undixokise mna nabantwana bam kunye nabazukulwana bam. Mna ndinyanisekile kuwe, nawe ke ndithembise ukuba uya kunyaniseka kum nakubemi beli lizwe uhlala kulo.”

24 UAbraham wathi ukuphendula: “Ndiyathembisa.”

25 UAbraham wavakalisa kwanesikhalazo awayenaso kuAbhimeleki, esiphathelele nomthombo owahluthwa zizicaka zika-Abhimeleki.

26 Wathi uAbhimeleki: “Bendingazi ukuba ukho owenze loo nto; nawe ngokwakho akuzange wandixelela nokundixelela. Ndiyaqala namhlanje ukuyiva into enjalo.”

27 UAbraham ke wakhupha iinkomo neegusha, wazinika uAbhimeleki, baza benza imvumelwano.

28 UAbraham wakhetha amatakane asixhenxe kuloo mhlambi,

29 waza uAbhimeleki wathi kuAbraham: “Ngawantoni la matakane asixhenxe uwakhethileyo?”

30 Wathi uAbraham: “Wathathe la matakane asixhenxe. Ngokwenjenjalo ungqina ukuba lo mthombo wembiwa ndim.”

31 Yaba ke loo ndawo kuthiwa yiBheshebha ukubizwa kwayo, kuba kaloku kulapho loo madoda avumelana khona efunga.

32 Emva koko uAbhimeleki noPikoli babuyela kwakwelamaFilistiya.

33 UAbraham watyala umthi apho eBheshebha. Apho ke wamnqula *uNdikhoyo uThixo uSonini-nanini.

34 Wahlala kwelo lizwe lamaFilistiya ixesha elide.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50