Eyeziqalo 12 XHO96

Ukufuduka kuka-Abram

1 *UNdikhoyo wathi kuAbram: “Lishiye ilizwe lakowenu, izizalwana kunye nekhaya lakho, umke uye kwilizwe endiza kukwalathisa lona.

2 “Ndiza kukunika inzala eninzi,eya kuba sisizwe esikhulu;ndikunike amathamsanqa,libe nodumo igama lakho,ube lithamsanqa nakwabanye.

3 Abo bakuthamsanqelisayo nam ndobathamsanqelisa,ndibaqalekise abo bakuqalekisayo.Zonke izizwe zothamsanqeliswa ngawe.”

4 Wanduluka ke uAbram eHaran ngokomyalelo kaNdikhoyo. Wayemashumi asixhenxe anantlanu ubudala. ULothe naye wahamba kunye noAbram.

5 UAbram wemka nomkakhe uSarayi, kunye noLothe unyana womninawa wakhe. Wathatha bonke ubutyebi bakhe, kunye nezicaka zakhe azifumene eHaran, wenjenjeya ukubheka eKanana.Bakufika eKanana,

6 uAbram wenjenjeya wada waya kugaleleka eShekem kwindawo enomthi kaMore. Ayesemi kwelo zwe ngelo xesha amaKanana.

7 UNdikhoyo wabonakala kuAbram, wathi: “Nali ke ilizwe eliya kumiwa yinzala yakho.” UAbram ke wenza iqonga apho, wanqula uNdikhoyo owabonakala kuye.

8 Ukusuka apho wabheka ngasemazantsi kweleentaba kwicala langasempuma yesixeko saseBhetele. Wazigxumeka apho iintente, ephahlwe yiBhetele ngasentshona neAyi ngasempumalanga. Nalapho wenza iqonga, wanqula uNdikhoyo.

9 Wanduluka nalapho, egqitha kwiindawo ngeendawo, ejonge emazantsi eKanana.

UAbram eJiputa

10 Kwakukho indlala eKanana. Yayinkulu kangangokuba uAbram wehla waya eJiputa, wakha wahlala apho ixeshana.

11 Akufika emideni, wathi kumkakhe uSarayi: “Ndiyazi ukuba umhle gqitha,

12 yaye akukubona amaJiputa, aza kuthi ungumkam, aze andibulale mna, akushiye wena.

13 Uze uthi ke ungudade wethu. Aya kundiphatha kakuhle ke ngenxa yakho, angandibulali.”

14 Akugqitha emideni engena eJiputa, amaJiputa akhangwa bubuhle bomka-Abram.

15 Amaphakathi kakumkani athi nawo akumbona abuncoma ubuhle bakhe kukumkani. Wathathwa ke, waya kuhlala ebhotwe kwakumkani.

16 Ukumkani wamphatha kakuhle uAbram ngenxa yomkakhe, wamphawulela imihlambi yeegusha neebhokhwe, iinkomo needonki, izicaka neenkamela.

17 Kodwa ngenxa yokuthathwa kukaSarayi ngukumkani, uNdikhoyo wathumela izibetho zezifo kukumkani nakubantu bonke bakomkhulu.

18 Waza ke ukumkani wabiza uAbram, wathi: “Yintoni le nto undenze yona? Kutheni ungandixelelanga nje ukuba ngumkakho lo?

19 Kutheni usithi ngudade wenu nje, undiyeke ndimenze umkam? Nanko ke umkakho; mthathe umke naye.”

20 Ukumkani wayalela amadoda ukuba uAbram makakhutshelwe ngaphandle kwemida yelo zwe, emke nomkakhe, nayo yonke impahla yakhe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50