Eyeziqalo 32 XHO96

UYakobi ulungiselela ukuhlangabeza uEsawu

1 UYakobi uhambile naye, waza wahlangana nezithunywa zikaThixo endleleni.

2 Uthe akuzibona wavakala esithi: “Ngumkhosi kaThixo lo,” waza wathi loo ndawo yiManayim igama layo.

3 UYakobi wathumela izigidimi ngaphambili ukuba ziye kumntakwabo uEsawu eSeyire, e-Edom.

4 Wathi ze zithi kuye: “Mna, Yakobi, sicaka sakho, ndazisa wena, nkosi yam Esawu, ukuba bekhe ndahlala kwaLabhan, ndaza ndabambezeleka apho kwada kwakalokunje.

5 Ndiza neenkomo neegusha, iidonki neebhokhwe, kwakunye nezicaka. Ndithumela lo myalezo ke, mhlekazi, ndinethemba lokuba uya kundamkela.”

6 Ukubuya kwazo izigidimi zikaYakobi, zafika zathi: “Simbonile uEsawu umntakwenu; selesendleleni ekukhawulelayo. Uza namakhulu amane amadoda.”

7 Wothuka wakhathazeka uYakobi; waza wabahlula bangamaqela amabini abantu bakhe, ngokunjalo neegusha, neenkomo, neebhokhwe, kwaneenkamela.

8 Icebo lakhe lalikukuba kusinde eli lesibini iqela, xa athe wahlasela elokuqala uEsawu.

9 Uye wathandaza emva koko uYakobi esithi: “Thixo kabawo-mkhulu uAbraham, Thixo kabawo wam uIsake, ndive. Nguwe, *Ndikhoyo, othe mandibuyele ezweni lakowethu naphakathi kwezizalwana zam. Watsho usithi uya kuyenza mhlophe indlela yam, konke kulunge.

10 Ububele ondenzele bona, nokunyaniseka kwakho, akundifanele, Nkosi. Ndayiwela iJordan ndingenanto, ndiphethe umsimelelo kuphela. Ngoku ndibuya ndihamba nala maqela mabini.

11 Ndihlangule ke kumntakwethu uEsawu, ndiyakubongoza. Ndinoloyiko hleze asihlasele asitshabalalise sonke, umntwana nonina.

12 Khumbula ke ukuba wathembisa ukuba konke kondilungela, wathembisa nokuba wondipha inzala engenakubalwa bani, ebuninzi bungangobentlabathi elunxwemeni lolwandle.”

13 Ngengomso uYakobi wakhetha kuloo mhlambi wakhe ezo wayeza kuzipha umntakwabo uEsawu:

14 iimazi zeebhokhwe zaba ngamakhulu mabini, iinkunzi zangamashumi mabini; amakhulu mabini eemazi zeegusha, namashumi mabini eenkunzi zeegusha,

15 amashumi amathathu eemazi zeenkamela namankonyane azo; kunye namashumi mane eemazi zeenkomo, kunye neshumi leenkunzi; namashumi mabini eemazi zeedonki; kunye neenkunzi ezilishumi.

16 Wazahlula-hlula zayimihlambi, waza umhlambi ngamnye wakhokelwa sisicaka. Wathi mazihambe ngaphambili, zishiye isithuba phakathi komhlambi ngamnye.

17 Wathi kwisicaka esasingaphambili, ze sithi xa ebuza uEsawu ukuba ngaba ngubani na inkosi yaso, besiya ngaphi na, wona umhlambi lo ungokabani:

18 “ZezikaYakobi, isicaka sikaEsawu. Wenza ngazo isipho kuEsawu inkosi yakhe. Yena uYakobi uyalandela ngasemva.”

19 Wabaxelela loo nto bonke abakhokela imihlambi, owesibini nowesithathu njalo-njalo, esithi: “Nakuhlangabezana noEsawu ze nithi:

20 ‘Ewe, isicaka sakho uYakobi siyeza ngasemva.’ ”Icebo likaYakobi lalikukuba amenze athambe ngezo zipho uEsawu, aze xa efika yena Yakobi kuye axolelwe.

21 Wazindulula ke ezo zipho, waza yena walalisa apho esikhululweni ngobo busuku.

UYakobi ujijisana noThixo

22 Ngobo busuku wavuka uYakobi, wahamba nabafazi bakhe bobabini, namaqadi abo, kunye nabantwana bakhe abalishumi nanye, wawuwela umlambo iJabhoko.

23 Akubaweza waweza nempahla yakhe yonke,

24 kodwa yena wasala ngasemva.Kwafika umntu, wajijisana naye kwada kwasekuzeni kokusa.

25 Wathi loo mntu akubona ukuba akamngquli uYakobi, wamchukumisa enyongeni, yatsho yagungxuka endaweni yayo.

26 Watsho esithi: “Ndiyeke ndihambe, kuyasa.”UYakobi wathi: “Andisobe ndikuyeke, de undithamsanqelise.”

27 “Ungubani igama lakho?” ubuzile loo mntu.“NdinguYakobi,” uphendule watsho yena.

28 Uthe ke loo mntu: “Akusokubuya kuthiwe unguYakobi, kuba kaloku wena ujijisene noThixo kwakunye nabantu, waphumelela. Ngoko ke kuya kuthiwa unguSirayeli igama lakho.”

29 Uthe yena uYakobi: “Nawe ndixelele elakho igama.”Uthe loo mfo: “Uza kulenzani igama lam?” Watsho esikelela uYakobi.

30 UYakobi wathi: “UThixo ndimbonile ubuso ngobuso, ndibe naku ndisaphila.” Wathi ke loo ndawo yiPeniyeli.

31 Laphuma ilanga xa uYakobi emkayo apho ePeniyeli. Wayeqhwalela ngenxa yenyonga egungxulekileyo.

32 AmaSirayeli akawutyi umsipha kasikrotyana unanamhlanje, kuba kaloku wachukunyiswa kuloo ndawo uYakobi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50