Eyeziqalo 4 XHO96

UKayen noAbheli

1 UAdam wadibana nomkakhe uEfa, waza wakhulelwa. Wazala umntwana oyinkwenkwe, waza wathi: “Ndifumene inkwenkwe ngoncedo *lukaNdikhoyo.” Wamthiya igama ke, wathi nguKayen.

2 Uphinde wazala inkwenkwe: uAbheli. UAbheli wayengumfuyi weempahla, yena uKayen engumlimi.

3 Emva kwethuba uKayen wenzela uNdikhoyo umnikelo ngenxalenye yesivuno sakhe.

4 Yena ke uAbheli wathatha amanqatha kumazibulo omhlambi weegusha zakhe, wenza idini. UNdikhoyo wakholiswa nguAbheli, waneliseka nangumnikelo wakhe,

5 kodwa akanelanga nguKayen nomnikelo wakhe. Waqumba uKayen, waba ntshingi-ntshingi ngumsindo.

6 Wathi ke uNdikhoyo kuKayen: “Uqumbeleni? Kutheni wantshingi-ntshingi?

7 Ukuba ubulungisile, ngewamkelekile; kodwa ke, kuba wenze ububi, isono sesikungxangele emnyango. Isono sifuna ukukulawula, kodwa uze usilwe usoyise.”

8 UKayen wathetha nomninawa wakhe uAbheli. [“Makhe siye endle, mfondini.”] Bathi bakuba besendle, uKayen wajikela umntakwabo, wambulala.

9 UNdikhoyo uthe kuKayen: “Uphi uAbheli umntakwenu?”Wathi uKayen ukuphendula: “Andazi. Ndingumalusi womntakwethu mna kakade?”

10 Uthe ke uNdikhoyo: “Uyenzele ntoni into embi kangaka, Kayen? Igazi lomntakwenu oliphalazele emhlabeni liyakhala, likhalela impindezelo.

11 Uqalekisiwe! Akusobe uphinde uwulime umhlaba. Kaloku úlifunxile umhlaba igazi lomntakwenu ngokuya ubumbulala.

12 Uya kuthi wakulima, usuke umhlaba ungavelisi kutya konke. Uya kuba sisibhadu-bhadu esijikeleza elizweni.”

13 Waphendula wathi uKayen: “Esi sohlwayo siqatha; andinako ukusinyamezela.

14 Uyandigxotha ngoku emhlabeni, ndibe kude nawe. Ngoku ndiza kuba ngudingezweni, yaye wonke ubani odibana nam uya kundibulala.”

15 Uphendule wathi uNdikhoyo: “Hayi, akunjalo; ukuba kubekho mntu ukubulalayo, ndomohlwaya ngokuphindwe kasixhenxe.” Waza ke uNdikhoyo wamphawula uKayen khon' ukuze nabani na odibana naye angambulali.

16 Wemka ke uKayen kuNdikhoyo, waya kuhlala eNodi, empuma yeIdeni.

Inzala kaKayen

17 UKayen nomkakhe bafumana umntwana oyinkwenkwe, uInoki. Wakha isixeko uKayen, wasithiya ngegama lonyana wakhe.

18 UInoki wazala unyana, wathi igama lakhe nguHiradi. Yena uHiradi wazala uMehuyali; uMehuyali wazala uMethusali; uMethusali yena wazala uLameki.

19 ULameki wayenabafazi ababini, uAda noZila.

20 UAda wazala uYabhali, ongukhokho kwabo babehlala ezintenteni, bengabafuyi.

21 Umntakwabo-Yabhali yayinguYubhali, ongukhokho wazo zonke iimvumi ezidlala iihapu neefleyiti.

22 UZila wazala uThubhali-kayen, owayengumkhandi wezixhobo zokusebenza ezenziwa ngobhedu nangentsimbi. Wayenodade wabo uNama.

23 Wathi uLameki kubafazi bakhe:“Ada noZila, khanive bethu;bafazi bakaLameki, bekani iindlebe.Ndombulala umntu ondibethayo,umfana ondenzakalisayo.

24 Ke ukuba umntu wohlwaywa kasixhenxe ngokubulala uKayen,ngamashumi asixhenxe anesixhenxe ngokubulala uLameki.”

USeti noEnoshe

25 UAdam nomkakhe baba nomnye unyana. Wathi uEfa: “UThixo undiphe omnye unyana endaweni ka-Abheli owabulawa nguKayen.” Wathi ke igama lakhe nguSeti.

26 USeti wazala unyana, wathi nguEnoshe. Baqala ngoko ke abantu ukunqula igama *likaNdikhoyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50