Eyeziqalo 26 XHO96

UIsake ufudukela eGerare

1 Kwafika indlala kwelo zwe, ngaphandle kwaleya yakhe yabakho ngexesha lika-Abraham. UIsake ke waya kuAbhimeleki, ukumkani wamaFilistiya, owayemi eGerare.

2 *UNdikhoyo wavela ephupheni kuIsake esithi: “Uze ungayi eJiputa; yima kumhlaba endithi hlala kuwo.

3 Uze uhlale apha; ndoba nawe, ndikuthamsanqelise. Lo wona umhlaba uza kuwuma nenzala yakho. Isifungo endasenza kuyihlo ndiza kusifezekisa.

4 Inzala yakho iza kuba ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni, ndiyinike wonke lo mhlaba. Zonke iintlanga ziya kuthamsanqeliswa ngenzala yakho.

5 Ndiza kukuthamsanqelisa, kuba uyihlo uAbraham wandithobela, wahamba ngokwemithetho nemiyalelo yam.”

6 Wema apho eGerare ke uIsake.

7 Wayesithi akubuzwa ngomkakhe ngamadoda alapho, athi ngudade wabo. Wayesoyika ukuthi uRabheka ngumkakhe, hleze ambulale athathe uRabheka, kuba wayemhle kakhulu.

8 Wayeselenethuba elide elapho uIsake. Ngamhla uthile uAbhimeleki wabona uIsake ngefestile esanga uRabheka.

9 UAbhimeleki wambiza uIsake, wathi: “Ingumkakho nje lo, kutheni le nto uhamba usithi ngudade wenu?”Uthe uIsake: “Ndoyika ukubulawa ngenxa yakhe.”

10 Uthe uAbhimeleki: “Imbi le nto uyenzileyo. Enye indoda ibisenokulala nomkakho, loo nto ke isifake etyaleni.”

11 Wabayala ke bonke abantu uAbhimeleki ukuba bangabakhathazi ooIsake nomkakhe, esithi owenjenjalo wobulawa.

12 UIsake walima amasimi akhe ngaloo nyaka, isivuno sakhe saba sikhulu ngokuphinda-phindeneyo, kuba kaloku uNdikhoyo wayemthamsanqelisa.

13 Waya ehluma wada wasisinhanha somfo.

14 AmaFilistiya ammonela ngenxa yemihlambi awayenayo yeegusha neenkomo, nezicaka ezininzi.

15 Asuka ayidiba yonke imithombo eyembiwa zizicaka zikayise uAbraham.

16 UAbhimeleki weza kuIsake, wathi makemke kwilizwe labo, kuba wayebaluleke ngaphezu kwabo.

17 Wemka ke uIsake, waya kumisa umzi wakhe kuloo ntlambo yaseGerare. Wakha wathi vu apho okwexeshana.

18 Wabuya wayimba imithombo eyayimbiwe nguyise, kwaleya ayidibayo amaFilistiya akuba efile uAbraham. Wayibiza kwangalaa magama yayibizwa ngawo nguyise.

19 Izicaka zikaIsake zemba kuloo ntlambo, zafumana iliso lomthombo.

20 Abelusi baseGerare baxambulisana nabakaIsake, bebanga loo mthombo, besithi ngowabo. UIsake wawuthiya igama loo mthombo esithi yiMbambano, kuba kwabakho imbambano ngawo.

21 Wemba omnye umthombo uIsake, kwaza kwaxanjuliswana nangawo. Wathi igama lalowo buButshaba.

22 Wemka apho, wemba omnye umthombo kwenye indawo ephangaleleyo. Akubangakho mbambano ngalowo, uthe ke ukuwubiza nguPhangalele. Wathi: “Ngoku uNdikhoyo usinike indawo ephangaleleyo. Siza kuba nenkqubela apha.”

23 Wanduluka nalapho uIsake, wasinga eBheshebha.

24 UNdikhoyo wavela kuye emathongweni ngobo busuku, wathi: “Mna ndinguThixo kayihlo uAbraham. Uzungoyiki, kuba ndinawe. Ndiza kukuthamsanqela, ndikuphe inzala eninzi, kuba ndandimthembisile uyihlo, uAbraham isicaka sam.”

25 Wenza iqonga lamadini kuloo ndawo uIsake, wanqula uNdikhoyo khona. Wemisa umzi apho, wemba omnye umthombo.

Imvumelwano kaIsake noAbhimeleki

26 UAbhimeleki weza evela eGerare, ehamba kunye noAwuzati, iphakathi lakhe, kunye noPikoli, umphathi-mkhosi, behambele uIsake.

27 Wabuza ke uIsake wathi: “Ngaba nindihambele ngantoni ngoku, nakuba benindiphethe kakubi ndada ndalishiya ilizwe lenu?”

28 Bathe: “Siyaqonda ngoku ukuba *uNdikhoyo unawe. Saye ke sicinga ukuba kufuneka kukho isibhambathiso esisenzayo nawe. Sifuna ufunge

29 ukuba akuyi kusenza nto, njengoko nathi singekhe sikwenze nto imbi. Kucacile kuthi ngoku ukuba wena uyathamsanqeliswa nguNdikhoyo.”

30 UIsake wabenzela isidlo, kwatyiwa, kwaselwa.

31 Ngengomso bavuka kwakusasa, bazenza izifungo zemvumelwano, banduluka, bahlukana bevana.

32 Ngaloo mhla izicaka zikaIsake zeza kumxelela ngomthombo ezawufumanayo, zawemba.

33 Wathi igama laloo mthombo yiShebha. Lavela apho ke igama lesixeko ekuthiwa yiBheshebha.

UEsawu uthatha iintombi zasemzini

34 Akuba mashumi mane ubudala uEsawu, wathatha iintombi zamaHeti zambini. YayinguJuditi intombi kaBheri, noBhasemati intombi kaElon.

35 Aba bafazi babahlalisa kabuhlungu ooIsake noRabheka.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50