Eyeziqalo 46 XHO96

UYakobi ufudukela eJiputa nomzi wakhe

1 USirayeli wathatha konke okwakhe wahamba, waya kutsho eBheshebha, apho wafika wenzela uThixo kayise uIsake idini.

2 UThixo wathetha naye ngephupha wathi: “Yakobi!”Wasabela uYakobi wathi: “Ndim lo!”Wenjenje uThixo ukuthetha naye:

3 “Mna ndinguThixo kayihlo. Uzungoyiki ukuya eJiputa; kulapho inzala yakho ndiya kuyenza isizwe esikhulu.

4 Ndiya kuya nawe eJiputa, ndibuye ndiyibuyisele kwalapha inzala yakho. UJosefu uya kukucima amehlo ukubhubha kwakho.”

5 Wanduluka eBheshebha uYakobi. Yena, nabantwana boonyana bakhe, kunye nabafazi babo, babekhwele kwiinqwelo ezazithunyelwe ngukumkani waseJiputa.

6 Baqhuba iinkomo zabo nako konke okwabo abakufumana eKanana, bahamba nako, baya eJiputa. UYakobi wahamba nosapho lwakhe lonke:

7 oonyana bakhe, abantwana babo, iintombi zakhe, kunye nabazukulwana bakhe.

8 Ngawo la amagama amaSirayeli, inzala kaYakobi, eyangenayo eJiputa kunye naye.

9 YayinguRubhen, izibulo, kunye noonyana bakhe: uHanoki, noPalu, noHezeron, noKarmi.

10 USimon noonyana bakhe: uJemuweli noJamin, uOhadi noJakin noZoware, kwakunye noShawule, owayezelwe ngumKananakazi.

11 ULevi noonyana bakhe: uGershon noKohati kunye noMerari.

12 UJuda kunye noonyana bakhe: uShela, noPerezi, noZera. Abanye oonyana bakaJuda, uEre no-Onan, batsahabalala eKanana. UPerezi wanoonyana abanguHezeron kunye noHamuli.

13 UIsakare yena wangena noonyana bakhe: uTola, noPuwa, noYashubhi, kunye noShimron.

14 UZebhulon naye wangena noonyana bakhe: uZerede, noElon, kunye noYaleli.

15 Ngoonyana abazalwa nguLeya aba, kunye nodade wabo uDayina, besesePadan-aram. Bebonke abantwana abangumlibo kaLeya babengamashumi mathathu anantathu.

16 UGadi naye wangena noonyana bakhe: uZefon noHagi noShuni, uEzebhon noEri noArodi, kunye noAreli.

17 UAshere wangena noonyana bakhe: uImna noIshwa, kunye noIshvi noBheriya, kwakunye nodade wabo uSera. Oonyana bakaBheriya yayinguHebhere kunye noMalekiyeli.

18 Aba bantwana abalishumi linantandathu ngabomlibo kaZilipha, impelesi kaLeya awayeyinikwe nguLabhan.

19 URakeli umka-Yakobi wayezele oonyana ababini, uJosefu noBhenjamin.

20 UJosefu eJiputa wayenoonyana ababini, uManase noEfrayim. Babezelwe nguAsenati intombi kaPotifare umbingeleli waseOni.

21 Oonyana bakaBhenjamin yayinguBhela noBhekere, uAshbhele noGera noNaman, uEli noRoshe, uMupim noHupim kunye noArdi.

22 Eli shumi linane ke ngumlibo kaRakeli.

23 Wayekho noDan kunye nonyana wakhe uHushim;

24 noNafetali kunye noonyana bakhe uJazeli noGuni, uYezere kunye noShilem.

25 Aba basixhenxe ngumlibo kaBhiliya, impelesi kaRakeli awayinikwa nguyise uLabhan.

26 Inani lenzala kaYakobi nqo elaya eJiputa ngamashumi mathandathu anantandathu, ngaphandle koomolokazana bakhe.

27 UJosefu wayezele oonyana ababini eJiputa. Loo nto yenza amashumi asixhenxe abantu bomzi kaYakobi abaya eJiputa.

28 UYakobi wathi uJuda makaye kuxelela uJosefu ukuba makabahlangabeze eGoshen. Bakuba befikile eGoshen,

29 uJosefu wakhwela enqwelweni, waya kukhawulela uyise uSirayeli. Uthe akubona uyise, uJosefu waziphosa kuye, wamanga, walila ithuba elide.

30 Uthe uSirayeli kuJosefu: “Nokuba ndingafa ngoku ndikubonile usaphila, kulungile.”

31 UJosefu ubhekise kubantakwabo nakumawabo wathi: “Ndiza kukha ndiye kuxelela ukumkani ukuba ubawo nabantakwethu ababefudula beseKanana, bafikile,

32 ndithi kuye: ‘Bangabathandi bemfuyo, yaye ke beze nayo yonke impahla yabo nako konke okwabo.’

33 Ke nina xa nibizwe ngukumkani, wanibuza ngomsebenzi eniwenzayo,

34 ze nithi: ‘Singamathanda-mfuyo kwasebuncinaneni bethu, kanye njengookhokho bethu.’ Ukuba nitshilo, ukumkani woniyeka nime eGoshen. Kaloku abantu abathanda imfuyo abazelwe nto apha eJiputa.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50