Eyeziqalo 27 XHO96

UYakobi unikwa iintsikelelo nguIsake

1 Akwaluphala uIsake, namehlo akhe selenorhatyazo, ubize unyana wakhe omkhulu, wathi kuye: “Nyana wam!”Uthe ke yena: “Ndim lo, tata.”

2 Uthe uIsake: “Ndiyabona ukuba sendaluphele ngoku, ndaye ndingazi nokuba ndingafa nini na.

3 Thatha utolo lwakho, uye kuzingela, undiphathele inyama yenyamakazi.

4 Ndifuna undiphekele ukutya okunencasa, okona ndikuthandayo; undizisele nditye, ze ndikusikelele ndingekafi.”

5 URabheka wayephulaphule wonke lo gama uIsake athetha noEsawu. Uthe akuya kuzingela uEsawu,

6 waya kuYakobi uRabheka, wathi: “Ndive uyihlo esithi uEsawu

7 makamphathele inyama yenyamakazi, amphekele ukutya okunencasa, atye, khon' ukuze amsikelele ngoku engekafi.

8 Ke, mfo wam, uze wenze le nto ndiza kukuxelela yona.

9 Yiya phaya kulaa mhlambi, uze namatakane amabini atyebileyo eebhokhwe. Ndiza kuphekela uyihlo ukutya akuthanda kakhulu.

10 Kuya kusiwa nguwe kuyihlo, ukuze akusikelele engekafi.”

11 Kodwa uYakobi yena uthe kunina: “Usazi nje ukuba uEsawu lixhonti, ndibe mna ndimpuluswa!

12 Ukuba ubawo undivile ngesandla, waqonda ukuba ndiyamkhohlisa, ayiyi kundizisela isiqalekiso loo nto endaweni yeentsikelelo?”

13 Uthe unina: “Siya kuba phezu kwam eso siqalekiso, mfo wam. Yenza le nto ndithi yenze wena; yiza nalaa matakane.”

14 Waya kuwathatha ke uYakobi, wawasa kunina, wapheka okona kutya kunencasa kuthandwa nguIsake.

15 URabheka wakhupha ezona zintle iimpahla zikaEsawu awayezigcinile, wazinxiba uYakobi.

16 Wamgquma izandla ngofele lwebhokhwe, wamthandela nasentanyeni.

17 Wamnika oko kutya kunencasa kunye nesonka awayesibhakile.

18 UYakobi wafika kuyise, wathi: “Tata!”Usabele wathi uyise: “Thetha; ungubani, mfo wam?”

19 Uthe uYakobi: “NdinguEsawu, unyana omkhulu. Ndiyenzile into obundithume yona. Nantsi inyama. Vuka utye, uze undisikelele.”

20 Uthe uIsake: “Wakhawuleza kangaka ukufumana inyamakazi? Wenze njani, mfo wam?”Uphendule wathi uYakobi: “Ndincedwe *nguNdikhoyo uThixo wakho, wayizisa ngqo kum.”

21 Uthe ke uIsake kuYakobi: “Khawusondele ke, mfo wam, ndikuve ngesandla ukuba unguye na unyana wam uEsawu.”

22 UYakobi ke wasondela kuyise owamphampathayo ngezandla esithi: “Ilizwi lona lelikaYakobi, kodwa izandla zezikaEsawu.”

23 Akazange amqonde uYakobi, kuba kaloku izandla zazixhonti njengezikaEsawu. Uthe seleza kumsikelela,

24 wabuya wabuza wathi: “Ngaba ngenene ungunyana wam uEsawu?”Waphendula uYakobi esithi: “Ndinguye.”

25 Uthe ke uIsake: “Zis' apha ke inyama leyo ndikhe nditye, mfo wam. Ndakuthi ke ndakugqiba ukutya, ndikusikelele.” Wamnika ke uYakobi, wamphathela newayini yokuthoba.

26 Uthe ke uyise: “Khawusondele kaloku undange, mfo wam.”

27 Esasondela ukuya kumanga uIsake, waliva ivumba leempahla ezazinxitywe nguYakobi, watyibela ngentsikelelo esithi:“Ngxatsho ke ivumba lonyana wam!Linjengevumba lomhlaba ogalelwe iintsikelelelo nguNdikhoyo.

28 Wanga ke uThixo angakugalela ngombethe,nomhlaba wakho uchume ube linqatha,uvelise nentabalala yengqolowa newayini.

29 Unga ungabuswa zizizwe,neentlanga zikhahlele kuwe.Yiba yinkosi kubantakwenu,ukhonzwe nangabantwana bakanyoko.Mabaqalekiswe abo bakuqalekisayo,basikelelwe abo bakusikelelayo.”

UEsawu uzicelela eyakhe intsikelelo

30 UIsake wayesandul' ukusikelela uYakobi, naye esandul' ukusuka kuyise, wagaleleka uEsawu, evela kuzingela.

31 Wapheka ukutya okumnandi, naye wakusa kuyise, wathi: “Vuka, tata, utye. Nantsi inyama endikuphathele yona. Uze undisikelele.”

32 “Ungubani wena?” watsho uIsake.“Ndingunyana wakho omkhulu, uEsawu,” utshilo.

33 Wothuka wagubha uIsake.Ubuze wathi: “Ngubani ke lo ubeye kuzingela wandiphathela inyama, ndayitya? Ndisandul' ukugqiba ukuyitya ngaphambi kokuba ungene. Ndiziphelelisele kuye iintsikelelo, kunjalonje ziya kuhlala zizezakhe.”

34 Akuyiva loo nto uEsawu, wakhala kabuhlungu, wathi: “Ndisikelele nam, tata!”

35 Wathi uIsake: “Umninawa wakho undikhohlisile, wemka nazo iintsikelelo zakho.”

36 Uthe uEsawu: “Sekukokwesibini eyenza le nto yokundidla izithende. Yiyo le nto negama lakhe linguYakobi. Kokwesibini ngoku endikhohlisa. Wathatha ilungelo lam lobuzibulo. Ngoku uthatha iintsikelelo zam. Tata, akundigcinelanga ntsikelelo konke na?”

37 Uthe ke uIsake: “Sendimenze inkosi yakho, nezizalwane zakhe zaba zizicaka zakhe. Ndithe uya kuphila ngengqolowa newayini. Yintoni ke ngoko enokuba isasalele wena, mfo wam?”

38 Uthe uEsawu: “Tata, kuphela kwentsikelelo obunayo leyo? Akusekho yimbi? Tata, nam ndisikelele!” Watsho ekhala uEsawu.

39 Wahlabeka uyise, wenjenje:“Wena uya kuba kude lee nenqatha lokuchuma komhlaba;uya kuba kude lee kumbethe ovuza ezulwini.

40 Uya kuphila ngekrele uphantsi komninawa wakho;kambe ke liya kufika ithuba apho uya kudinwa khona,uyaphule loo dyokhwe yakhe isentanyeni yakho.”

UYakobi ubalekela kwaLabhan

41 UEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yeentsikelelo awazifumana kuyise. Wadumzela wathi: “Iya kuze ifike yona imini yokuba angabikho utata; ndakuze ndimbulale uYakobi lo.”

42 Akuyixelelwa into ethethwe nguEsawu, uRabheka wabiza uYakobi, wathi kuye: “UEsawu ufuna ukukubulala.

43 Ke, nyana wam, uze wenze le nto ndiza kukuxelela yona. Zimela, ubalekele kumnakwethu uLabhan eHaran.

44 Uze uhlale khona ude udambe umsindo womkhuluwa wakho,

45 ayilibale nento omenze yona. Ndothumela ukuba uphuthunywe. Andinakuyithwala into yokulahlekelwa nini nobabini noyihlo ngaxesha-nye.”

46 Uthe uRabheka kuIsake: “Ndidiniwe mna ngoku ngaba bafazi bakaEsawu. Ukuba uYakobi angathatha intombi yomHeti, ayenze umfazi, ndingakhetha ukufa kube kanye.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50