Eyeziqalo 3 XHO96

Ukuwa koluntu

1 Inyoka yayisesona sidalwa sinobuqhetseba kunazo zonke izidalwa *zikaNdikhoyo uThixo. Yambuza umfazi inyoka yathi: “Ngaba kuyinyani na ukuba uThixo uniyalele ukuba ningatyi kuyo yonke imithi ekulo myezo?”

2 “Hayi, singatya nakuwuphi na umthi osemyezweni,” utshilo umfazi ukuphendula.

3 “Ngumthi ophaya esidikidikini somyezo qha esingenakutya kuwo. UThixo uthe maze singazityi iziqhamo zawo, singaziphathi nokuziphatha oku, ukuba asifuni kufa.”

4 Ithe ukuphendula inyoka: “Hayi, anisoze nife.

5 Nto nje uyazi uThixo ukuba xa nizityileyo iziqhamo zawo novuleka amehlo, nibe njengaye, nikwazi ukucalula okuhle kokubi.”

6 Watsho waqonda umfazi ukuba singamnandi eso siqhamo: siyanqweneleka, yaye sifanele ukunika ulwazi. Wakha, watya; wanika nomyeni wakhe owayekho, naye watya.

7 Bathi bakugqiba ukutya kwatsho kwee dlwe, avuleka amehlo, baziqonda ukuba bahamba ze. Bathunga amagqabi omkhiwane, bazambhathisa.

8 Emva koko beva isandi sokuhamba kukaThixo uNdikhoyo emyezweni ukujika kwelanga. Bazimela ematyholweni emyezweni apho.

9 UNdikhoyo uThixo wayibiza indoda, wathi: “Ùphi?”

10 Yaphendula yathi: “Ndive isandi sokuza kwakho, ndaza ndoyika ndazimela, kuba ndihamba ze.”

11 Uthe uThixo: “Ùve ngabani ukuba uhamba ze? Utyile kulaa mthi bendithe uze ungatyi kuwo?”

12 Ithe indoda ukuphendula: “Ngulo mfazi ùndinike yena lo úndiphileyo, nam ke ndatya.”

13 UNdikhoyo uThixo wambuza umfazi esithi: “Ùyenzele ntoni into enje?”Uphendule umfazi wathi: “Ndikhohliswe yinyoka, nam ke ndatya.”

UThixo uwisa isohlwayo

14 *UNdikhoyo uThixo uthe kuyo inyoka:“Ngenxa yesi senzo uqalekisiwe wena kuzo zonke izilo.Ukususela ngoku uya kurhubuluza ngesisu,utye uthuli bonke ubomi bakho.

15 Ndiza kudala ubutshaba phakathi kwakho nomfazi.Inzala yakho neyakhe ziya kuhlala zithiyene.Yona yokucumza intloko;wena woyiluma isithende.”

16 Waza wathi kuloo mfazi:“Wena uza kuthwala ubunzima ngakumbi xa ukhulelwe,udliwe yinimba xa uzalayo.Noko kunjalo umyeni wakho ùya kumlangazelela,lo gama ayinkosi yakho.”

17 Uthe endodeni uThixo:“Wena uve umkakho,watya kumthi ebendithe kuwe uze ungatyi kuwo.Ngenxa yento oyenzileyo keúqalekisiwe ngoku umhlaba.Ùya kusebenza nzima bonke ubomi bakho,ukuze umhlaba uvelise ukutya.

18 Kohluma ukhula nenkunzane.Uya kufa yindlala, utye umfino.

19 Uya kutya ukubila kwakhoude ubuyele kwakuloo mhlaba wawuthathwe kuwo.Wênziwa ngomhlaba;ke uya kubuya ube ngumhlaba.”

20 UAdam wamthiya igama umkakhe, wathi nguEfa, kuba kaloku luzalwa nguye lonke uluntu.

21 UNdikhoyo uThixo wabenzela izambatho zesikhumba senyamakazi, wabambesa zona ooAdam noEfa.

Ukugxothwa kuka-Adam noEfa emyezweni

22 Wathi ke *uNdikhoyo uThixo: “Umntu ngoku unjengathi, uyakwazi ukucalula okuhle kokubi. Kuya kuthini ke xa athe wakha, watya kumthi wobomi, aze aphile angaze afe?”

23 UNdikhoyo uThixo wamgxothela ngaphandle komyezo umntu, wamenza umlimi womhlaba avele kuwo.

24 Kwicala elingasempumalanga lomyezo uThixo wabeka *izithunywa ezimaphiko nekrele elidangazelayo, elijika-jika lijonge kwiimbombo zonke. Zazilinde ukuba kungabikho bani usondelayo kumthi wobomi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50