Eyeziqalo 36 XHO96

Inzala kaEsawu

1 Nanga amagqabantshintshi ngoEsawu okwanguEdom.

2 UEsawu watshata iintombi zaseKanana. Wathatha uAda, intombi kaElon umHiti, noHolibhama intombi ka-Ana unyana kaZibheyon, umHivi,

3 kunye noBhasemati, intombi kaIshmayeli, engudade boNebhayoti.

4 UAda wazala uElifazi, uBhasemati wazala uRuweli,

5 waza uHolibhama wazala uJewushe noJalam kunye noKora. Bonke aba nyana bakaEsawu bazalelwa eKanana.

6 UEsawu wathatha abafazi bakhe, noonyana bakhe, iintombi zakhe, nabo bonke abantu bakhe, kunye nemfuyo yakhe, nayo yonke impahla awayifumana kwilizwe laseKanana, wemka wamshiya umntakwabo uYakobi.

7 Unobangela wokuba emke kukuba lo mhlaba wawungasabaneli; imfuyo yabo yayiselininzi kakhulu.

8 UEsawu ke waya kuma kweleentaba e-Edom.

9 Nantsi inzala kaEsawu, ukhoko wamaEdom:

10-13 Umka-Esawu, uAda, wazala unyana uElifazi. UElifazi yena wazala uTeman, no-Omare, uZefo, uGatam, noKenazi. Omnye umfazi kaElifazi, uTimna, wazala uAmaleki.UBhasemati, umka-Esawu, yena wazala uRuweli. Yena uRuweli wazala uNahati, uZera, uShama, kunye noMiza.

14 Umka-Esawu onguHolibhama intombi ka-Ana lo ungunyana kaZibheyon, yena wazala uJewushe, uJalam, noKora.

15 Nazi ke izizwe ezingumlibo kaEsawu: UElifazi izibulo likaEsawu, nguyise-mkhulu wezi zizwe zilandelayo: amaTema, amaOmare, amaZefo, amaKenazi,

16 amaKora, amaGatam, nama-Amaleki. Bonke aba ngabomlibo ka-Ada umka-Esawu.

17 URuweli, unyana kaEsawu, yena nguyise-mkhulu wezi zizwe: amaNahati, amaZera, amaShama, namaMiza. Bonke aba ngabomlibo kaBhasemati umka-Esawu.

18 Ezi zizwe zilandelayo zingumlibo kaEsawu ngoHolibhama intombi ka-Ana: amaJewushe, amaJalam, namaKora.

19 Zonke ezi zizwe yinzala kaEsawu.

Inzala kaSeyire

20-21 Abemi bemveli belase-Edom yayizizizwe ezimlibo ulandwa ngaba bazukulwana bakaSeyire umHori: uLotan, uShobhali, uZibheyon, uAna, uDishon, uEzere, noDishan.

22 ULotan wayengukhoko wamaHori namaHeman. ULotan wayenodade wabo uTimna.

23 UShobhali wayengukhoko wama-Alvani, namaManahati, amaEbhali, amaShefo, namaOnam.

24 UZibheyon wazala uAya noAna. Ngulo Ana lo wabhaqa imithombo yamanzi ashushu entlango esalusa iidonki zikayise.

25-26 UAna wazala uDishon, lo ungukhokho wamaHemdan, amaEshbhan, amaItran, namaKeran. UAna wayekwanentombi egama linguHolibhama.

27 UEzere wayengukhokho wamaBhilehan, amaZavan, nama-Akane.

28 UDishan yena ungukhokho wamaUzi nama-Aran.

29-30 Nazi izizwe zamaHori ezimi e-Edom: ngamaLotan, amaShobhali, amaZibheyon, ama-Ana, amaDishon, amaEzere, namaDishan.

Iikumkani zase-Edom

31-39 Kwangaphambi kokuba zibekho iikumkani kwaSirayeli, ezi zilandelayo yayiziikumkani ezalawula kwaEdom, ngokulandelelana kwazo:uBhela unyana kaBhehore waseDinabha;uJobhabhi unyana kaZera waseBhozera;uHusham wakummandla wakwaTeman;uHadadi unyana kaBhedadi waseHaviti, owawachitha edabini amaMidiyan kwelamaMowabhi;uSamla waseMasereka;uShawule waseRehobhoti phezu komlambo iEfrati;uBhali-hanani unyana ka-Akibho;uHadadi wasePawu omkakhe wayenguMetabheli intombi kaMatredi nomzukulwana kaMezabhi.

40-43 UEsawu wayengukhokho wezi zizwe zamaEdom: amaTimna, ama-Aleva, amaYetete, amaHolibhama, amaEla, amaPinon, amaKenazi, amaTeman, amaMibhezare, amaMagediyeli, namaIram. Ummandla wesizwe ngasinye wathiywa ngegama lentloko yeso sizwe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50