1 Nanga amagqabantshintshi ngoEsawu okwanguEdom.
2 UEsawu watshata iintombi zaseKanana. Wathatha uAda, intombi kaElon umHiti, noHolibhama intombi ka-Ana unyana kaZibheyon, umHivi,
3 kunye noBhasemati, intombi kaIshmayeli, engudade boNebhayoti.
4 UAda wazala uElifazi, uBhasemati wazala uRuweli,
5 waza uHolibhama wazala uJewushe noJalam kunye noKora. Bonke aba nyana bakaEsawu bazalelwa eKanana.
6 UEsawu wathatha abafazi bakhe, noonyana bakhe, iintombi zakhe, nabo bonke abantu bakhe, kunye nemfuyo yakhe, nayo yonke impahla awayifumana kwilizwe laseKanana, wemka wamshiya umntakwabo uYakobi.
7 Unobangela wokuba emke kukuba lo mhlaba wawungasabaneli; imfuyo yabo yayiselininzi kakhulu.
8 UEsawu ke waya kuma kweleentaba e-Edom.
9 Nantsi inzala kaEsawu, ukhoko wamaEdom:
10-13 Umka-Esawu, uAda, wazala unyana uElifazi. UElifazi yena wazala uTeman, no-Omare, uZefo, uGatam, noKenazi. Omnye umfazi kaElifazi, uTimna, wazala uAmaleki.UBhasemati, umka-Esawu, yena wazala uRuweli. Yena uRuweli wazala uNahati, uZera, uShama, kunye noMiza.
14 Umka-Esawu onguHolibhama intombi ka-Ana lo ungunyana kaZibheyon, yena wazala uJewushe, uJalam, noKora.
15 Nazi ke izizwe ezingumlibo kaEsawu: UElifazi izibulo likaEsawu, nguyise-mkhulu wezi zizwe zilandelayo: amaTema, amaOmare, amaZefo, amaKenazi,
16 amaKora, amaGatam, nama-Amaleki. Bonke aba ngabomlibo ka-Ada umka-Esawu.
17 URuweli, unyana kaEsawu, yena nguyise-mkhulu wezi zizwe: amaNahati, amaZera, amaShama, namaMiza. Bonke aba ngabomlibo kaBhasemati umka-Esawu.
18 Ezi zizwe zilandelayo zingumlibo kaEsawu ngoHolibhama intombi ka-Ana: amaJewushe, amaJalam, namaKora.
19 Zonke ezi zizwe yinzala kaEsawu.
20-21 Abemi bemveli belase-Edom yayizizizwe ezimlibo ulandwa ngaba bazukulwana bakaSeyire umHori: uLotan, uShobhali, uZibheyon, uAna, uDishon, uEzere, noDishan.
22 ULotan wayengukhoko wamaHori namaHeman. ULotan wayenodade wabo uTimna.
23 UShobhali wayengukhoko wama-Alvani, namaManahati, amaEbhali, amaShefo, namaOnam.
24 UZibheyon wazala uAya noAna. Ngulo Ana lo wabhaqa imithombo yamanzi ashushu entlango esalusa iidonki zikayise.
25-26 UAna wazala uDishon, lo ungukhokho wamaHemdan, amaEshbhan, amaItran, namaKeran. UAna wayekwanentombi egama linguHolibhama.
27 UEzere wayengukhokho wamaBhilehan, amaZavan, nama-Akane.
28 UDishan yena ungukhokho wamaUzi nama-Aran.
29-30 Nazi izizwe zamaHori ezimi e-Edom: ngamaLotan, amaShobhali, amaZibheyon, ama-Ana, amaDishon, amaEzere, namaDishan.
31-39 Kwangaphambi kokuba zibekho iikumkani kwaSirayeli, ezi zilandelayo yayiziikumkani ezalawula kwaEdom, ngokulandelelana kwazo:uBhela unyana kaBhehore waseDinabha;uJobhabhi unyana kaZera waseBhozera;uHusham wakummandla wakwaTeman;uHadadi unyana kaBhedadi waseHaviti, owawachitha edabini amaMidiyan kwelamaMowabhi;uSamla waseMasereka;uShawule waseRehobhoti phezu komlambo iEfrati;uBhali-hanani unyana ka-Akibho;uHadadi wasePawu omkakhe wayenguMetabheli intombi kaMatredi nomzukulwana kaMezabhi.
40-43 UEsawu wayengukhokho wezi zizwe zamaEdom: amaTimna, ama-Aleva, amaYetete, amaHolibhama, amaEla, amaPinon, amaKenazi, amaTeman, amaMibhezare, amaMagediyeli, namaIram. Ummandla wesizwe ngasinye wathiywa ngegama lentloko yeso sizwe.