Eyeziqalo 19 XHO96

Ukungcola kweSodom

1 Ukufika kwezithunywa ezibini eSodom ngorhatya lwaloo mini, uLothe wayehleli ngasemasangweni edolophu. Uthe khwasululu ukuwabona kwakhe, wawahlangabeza. Ufike waqubuda ekhangele phantsi ekhahlela, wathi:

2 “Zinkosi zam, khanikhe niye kwam, nihlambe oku kweenyawo, nilalise khona. Ningavuka ke ngentsasa, nithabathise uhambo lwenu.”Zithe zona izithunywa ukuphendula: “Hayi noko wena, siza kuhlala phaya ebaleni kude kuse.”

3 Wazithundeza, ezicenga-cenga uLothe, zada zoyisakala, zaya naye kwakhe. Wazilungiselela ukutya, wenza namaqebengwana ngentlama engenagwele. Kuthe ke kwakulunga ukutya zatya.

4 Ngaphambi kokuba ziye kulala, kwafika amadoda nabafana baseSodom, bevela kumacala ngamacala, bayingqonga indlu kaLothe.

5 Bakhwaza bebuza kuLothe ukuba aye phi na laa madoda ayeze kulala kwakhe ngobo busuku. Batsho besithi makawakhuphe, kuba babefuna ukulala nawo.

6 Waphuma endlwini uLothe, waluvala ucango ukuphuma kwakhe.

7 Ufike wathi kuloo madoda: “He, zinkosi, sanukuyenza into enje ukuba mbi.

8 Ndineentombi zimbini apha, ziseziintombi nto; kubhetele ndininike zona, nizenze ukuthanda kwenu endaweni yale nto nifuna ukuyenza. La madoda ziindwendwe zam; aphantsi kokhuselo lwam.”

9 Kodwa loo madoda athi: “Suka endleleni, mfikindini! Ungubani wena? Ucinga ukuba singagwetywa nguwe? Singajikela wena thina, kube kubi nangaphezu kwawo.” Atsho emsunduza uLothe, etyhala ezama ukuluqhekeza ucango.

10 Kodwa la madoda ayengaphakathi amtsalela endlwini uLothe, aluvala ucango,

11 awabetha ngobumfama onke loo madoda ayengaphandle, atsho akalubona ucango apho lukhoyo.

Ukumka kukaLothe eSodom

12 Athe kuLothe la madoda mabini: “Ngaba kusekho mntu wumbi na apha – nokuba ngoonyana, nokuba ziintombi zakho, nabayeni beentombi, nasiphi na isizalwana sakho? Yitsho bemke apha.

13 Kaloku le dolophu siza kuyitshabalalisa. Isikhalo esivakele ngayo sibi kangangokuba sithunywe *nguNdikhoyo ukuba size kuyibhubhisa iSodom.”

14 ULothe ke waya kuxelela amasoka eentombi zakhe ukuba makumkiwe eSodom, kuba uNdikhoyo wayeza kuyibhubhisa. Kodwa wona aba uyaqhula nje.

15 Ngentseni izithunywa zamxhesha uLothe, zathi: “Gxabha-gxabhisa, ndoda, umke apha neentombi zakho kunye nomkakho. Kungenjalo uya kutshabalala xa kusohlwaywa le dolophu.”

16 Unge angazila-zila, suka zambamba ngesandla, zamkhuphela ngaphandle kwedolophu kunye nomkakhe neentombi zakhe. Kaloku uNdikhoyo wamenzela inceba uLothe.

17 Bakuba bengaphandle kwedolophu, esinye isithunywa sathi: “Balekani ukuze nisinde. Ze ningakhangeli ngasemva, ningemi nokuma phaya entilini. Balekelani phaya endulini, kungenjalo nani nakutshabalala.”

18 “Hayini noko, nkosi,” utshilo uLothe, “sanukundenjenjalo.

19 Sele undincedile kakade ngokundisindisa; noko kukude kakhulu phaya endulini. Le ntlekele isenokundifumana, ndife singekafiki nalapho.

20 Uyayibona laa dolophana? Ikufuphi noko yona. Yidolophana nje engenkulu. Mna ndithi ngesele ndisiya khona ukuze ndikhuseleke.”

21 Sithe isithunywa: “Kulungile ke. Andiyi kuba sayitshabalalisa loo dolophana uthetha ngayo.

22 Kodwa ke khawuleza ukuya apho, kuba akukho nto ndinokuyenza de ube ulapho.” Yiyo ke loo dolophu kuthiwa yiZoware.

Ukubhujiswa kweSodom neGomora

23 Laliseliphumile ilanga ukufika kukaLothe eZoware.

24 *UNdikhoyo wathobela isalfa evuthayo phezu kweSodom neGomora,

25 wazibhubhisa kunye naloo ntili yonke, kunye nabo bonke abantu ababelapho, nento yonke ehlumayo.

26 Umka-Lothe wajonga ngasemva, suka wajika waba yintsika yetyuwa.

27 UAbraham wavuka kwakusasa, waya kulaa ndawo wayemi noNdikhoyo kuyo.

28 Wakhangela ezantsi eSodom naseGomora nakuloo ntili, wabona kukho ukuqhuma okungathi ngumsi ophuma eziko.

29 Kodwa uThixo wasikhumbula isicelo sika-Abraham ukubhubhisa kwakhe loo ntili, wamsindisa uLothe.

Umnombo wamaMowabhi nama-Amon

30 ULothe woyika ukuhlala eZoware. Uthe ngenxa yoko wenyukela ezintabeni kunye neentombi zakhe, wahlala emqolombeni.

31 Yathi intombi enkulu kudade wayo: “Ubawo uyaluphala, yaye akukho madoda apha kule ndawo angasitshatayo sizale.

32 Yiza simseze anxile, khon' ukuze simambathe, sifumane abantwana bakhe.”

33 Ngobo busuku bamntyintya ngewayini, yaza ke intombi enkulu yamambatha. ULothe wayenxile kangangokuba akazange akuqonde okwaqhubekayo.

34 Ngosuku olulandelayo yathi intombi enkulu kwencinci: “Bendikunye naye phezolo. Masiphinde nanamhlanje ngokuhlwa, ukuze nawe ulale naye. Sobabini ke soba nabantwana bakabawo osizalayo.”

35 Baphinda ke bamntyintya nangobo busuku, yamambatha nencinci intombi. Wayenxile engayazi into eqhubekayo.

36 Yaba njalo ke into yokumitha kweentombi zikaLothe, zimithiswe nguyise.

37 Intombi enkulu yazala inkwenkwe, eyathi igama layo nguMowabhi. Nguye lo ungukhokho wamaMowabhi.

38 Intombi encinci yazala inkwenkwe nayo, yathi igama layo nguBhenami. Yena ngukhokho wama-Amon.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50