Eyeziqalo 20 XHO96

UAbraham noAbhimeleki

1 UAbraham wafuduka kwelo lizwe, wajonga emazantsi eKanana, apho wafika wamisa khona phakathi kweKadeshe neShure. Waya kutsho naseGerare,

2 wafika wathi apho uSara ngudade wabo. Ukumkani walapho, uAbhimeleki, wathi uSara makasiwe komkhulu.

3 Kodwa uThixo wavela kuAbhimeleki ephupheni, wathi: “Abhimeleki, usisisulu sokufa, ngenxa yokuba lo mfazi umthathileyo ngumka-mtu.”

4 UAbhimeleki ke wayengekamambathi uSara, waza wathi: “Mhlekazi, ungathini ukutshabalalisa isizwe esingenatyala?

5 Andibi kanene yilaa ndoda ngokwayo ethe kum ngudade wayo lo, waza naye wathi ingumnakwabo? Le nto ndiyenze ndingenasazela, yaye andonanga bani.”

6 Uphendule uThixo kwasephupheni apho: “Ewe, ndiyazi ukuba le nto uyenze ungenabubi konke. Yaye ikwandim lo okuncedileyo ukuba ungandoni; yiyo loo nto ndingakuvumelanga ukumambatha.

7 Kodwa ke mbuyisele kumyeni wakhe ngoku lo mfazi. *Ngumshumayeli laa mfo; uya kunithandazela nisinde. Kodwa ukuba akumbuyiseli umkakhe, ngenene uya kuba lilifa lokufa kunye nabantu bakho bonke.”

8 Wavuka kwangentseni uAbhimeleki, wazibiza zonke izicaka zakomkhulu, waza wazilawulela iphupha lakhe. Othuka kakhulu loo madoda.

9 UAbhimeleki ubize uAbraham, wathi kuye: “Yintoni le nto usenza yona? Ndakwenza ntoni le nto undizisela ishwangusha elingaka kunye nabantu bam? Wenze into engenziwayo ke kambe.

10 Bekutheni ukuze wenze into enje?”

11 Uthe uAbraham: “Ndibe akukho mntu umoyikayo kweli lizwe uThixo, ndaba ke ndingábulawa apha ngenxa yomkam.

12 Únguye udade wethu ngenene. Singabantwana bendoda enye, nakuba sahlukile ngoomama. Ngumkam noko kunjalo.

13 Uthe akundindulula kwilizwe loobawo uThixo, ndathi kumkam uya kubonakala ukuba uyandithanda ngokuthi ebantwini ungudade wethu.”

14 UAbhimeleki wambuyisela kuAbraham uSara, wabuya wamnqoma ngeegusha neenkomo, wamnika nezicaka.

15 Wathi kuAbraham: “Ngumhlaba wam lo; ungema apho uthanda khona.”

16 Ubuye wathi kuSara: “Umntakwenu ndiza kumnika iwaka leesiliva, ukuze wonke ubani azi ukuba akunatyala.”

17-18 Ngenxa yale nto yehlela uSara, uThixo wabavala bonke abafazi bakomkhulu, ababi nanzala. UAbraham ke wathandazela uAbhimeleki kuThixo, waza wamphilisa uThixo. Kwaphila nomkakhe kunye nezicakazana zakhe, bonke bakhululeka.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50