18 zongamele imini kunye nobusuku, nokuze zahlule ukukhanya nobumnyama. Wakholwa uThixo nazizo.
19 Kwahlwa, kwasa, yaba ngumhla wesine.
20 UThixo wathi: “Makubekho inyambalala yeendidi zezinto ezinobomi emanzini, kubekho neentaka eziphaphazelayo esibhakabhakeni.”
21 Wabadala ke uThixo oominenga nezinye iintlobo-ntlobo zezilo zamanzi, neentlobo zonke zeentaka. Wakholwa ke uThixo zizo.
22 Wazithamsanqelisa zonke, wathi: “Mazande izilo zamanzi, zinyakazele elwandle. Neentaka nazo mazande emhlabeni.”
23 Kwahlwa, kwasa, yaba ngumhla wesihlanu lowo.
24 Kwakhona uThixo uthe umhlaba mawuvelise iintlobo zonke zezinto ezinobomi: oozinkomo, izinto ezirhubuluzayo nezinambuzane, nazo zonke iindidi zamarhamncwa. Kwaba njalo ke.