19 Kwahlwa, kwasa, yaba ngumhla wesine.
20 UThixo wathi: “Makubekho inyambalala yeendidi zezinto ezinobomi emanzini, kubekho neentaka eziphaphazelayo esibhakabhakeni.”
21 Wabadala ke uThixo oominenga nezinye iintlobo-ntlobo zezilo zamanzi, neentlobo zonke zeentaka. Wakholwa ke uThixo zizo.
22 Wazithamsanqelisa zonke, wathi: “Mazande izilo zamanzi, zinyakazele elwandle. Neentaka nazo mazande emhlabeni.”
23 Kwahlwa, kwasa, yaba ngumhla wesihlanu lowo.
24 Kwakhona uThixo uthe umhlaba mawuvelise iintlobo zonke zezinto ezinobomi: oozinkomo, izinto ezirhubuluzayo nezinambuzane, nazo zonke iindidi zamarhamncwa. Kwaba njalo ke.
25 Wazenza zonke ke uThixo izilo ngokweendidi zazo, noozinkomo ngokweendidi zazo, nezilwanyane ezirhubuluzayo nezinambuzane ngokweendidi zazo. Waza ke uThixo wakholwa zezo zinto.