2 Kwakuselubala nje emhlabeni, kungekho nto ikhoyo. Inzonzobila yamanzi eyayigubungele konke yayithiwe gqume sisithokothoko sobumnyama. UMoya kaThixo wafukama phezu kwaloo manzi.
3 Wathi uThixo makubekho ukukhanya. Kwabakho ukukhanya.
4 Wakholwa ke uThixo koko kukhanya, waza wakwahlula ukukhanya nobumnyama.
5 Wathi ukukhanya yimini; wathi ubumnyama bona bubusuku. Kwahlwa, kwasa; yangumhla wokuqala ke lowo.
6 Wabuya uThixo wathi makubekho amajukujuku, awahlule kubini amanzi.
7 Abakho ke amajukujuku. Wawenza ke uThixo amajukujuku, wawahlula amanzi angaphantsi kwawo kumanzi angaphezu kwawo.
8 Wathi uThixo amajukujuku lawo sisibhakabhaka. Kwahlwa, kwabuya kwasa; yaba ngumhla wesibini ke lowo.