28 Wabathamsanqelisa uThixo wathi: “Yandani, inzala yenu ilizalise ilizwe, nilongamele. Ndininika igunya phezu kweentlanzi, iintaka, nazo zonke izilo elizweni.
29 Ndininika zonke izityalo ezithwala iinkozo elizweni, kunye nemithi ethwala iziqhamo. Zoba kukutya kwenu ezo zinto.
30 Ke zona iintaka nezilo zonke ziya kutya uhlaza.” Kwaba njalo ke.
31 UThixo wakholwa kakhulu yiyo yonke indalo yakhe. Kwahlwa, kwasa; yaba ngumhla wesithandathu ke lowo.