1 Nanga amagqabantshintshi ngoonyana bakaNowa, uShem noHam noYafete. Kaloku nabo bazala oonyana emva kwemvulakazi kanogumbe.
2 Oonyana bakaYafete naba: nguGomere, uMagogi, uMadayi, uJavan, noTubhali, uMesheki, noTisari.
3 Inzala kaGomere ngama-Ashkenezi, amaRifati, namaTogarma.
4 Inzala kaJavan yona ngamaElisha, amaTashishe, amaKiti, namaDodan.
5 Ngabo abangookhokho babantu ababegudle unxweme nabo babeseziqithini. Yinzala kaYafete ke leyo, eyayimi izizwe ngezizwe kwiindawo ngeendawo, isizwe ngasinye sithetha olwaso ulwimi.
6 Oonyana bakaHam nguKushe, uMizerayim, uPuti, noKanana.
7 Inzala kaKushe yaba ngamaSebha, amaHavila, amaSabheta, amaRama, namaSabheteka. Inzala kaRama ngamaShebha namaDedan.