25 UHebhere wazala oonyana ababini. Omnye nguPelege, kuba ngexesha lakhe abantu babahlulelene elizweni, omnye yayinguJoketan.
26 Inzala kaJoketan yaba ngama-Alemodadi, amaShelefe, amaHazare-mavete, amaJera,
27 amaHadoram, amaUzali, amaDikela,
28 amaObhali, ama-Abhimayeli, amaShebha,
29 amaOfire, amaHavila, namaJobhabhi. Zonke ezi zizwe yinzala kaJoketan.
30 Umhlaba ababemi kuwo wawusuka eMesa uye kuthi xhaxhe ngeZefara kweleentaba empumalanga.
31 Yinzala kaShem ke leyo, eyayimi izizwe ngezizwe kwiindawo ngeendawo, isizwe ngasinye sithetha olwaso ulwimi.