3 Nalapho wemka, edlula kwiindawo ngeendawo, esingise eBhetele.
4 Wafika kulaa ndawo wakha wagxumeka kuyo iintente kuqala, leya iphahlwe yiBhetele neAyi, apho wayenzele khona uThixo iqonga, wanqula khona *uNdikhoyo.
5 ULothe naye wayeneegusha neebhokhwe neenkomo, nentsapho nezicaka zakhe.
6 Ngoko ke amadlelo akazange ayanele impahla yabo eninzi, nomhlaba wokuhlala awabanela.
7 Kwabakho ingxwaba-ngxwaba phakathi kwamadoda alusa impahla ka-Abram namadoda alusa ekaLothe. AmaKanana namaPerezi ayesahlala kwelo zwe.
8 UAbram wathi kuLothe: “Siyazalana, mfondini; masingabhidani, namadoda ethu makangalwi.
9 Kungcono sahlukane; umhlaba uphangalele. Zikhethele nayiphi na indawo, uye kwelo cala, mna ndiye kwelinye.”