20 UThixo uPhezukonke okoyiseleyo iintshaba zakho, makadunyiswe.”Waza ke uAbram wakhupha izishumi zamaxhoba emfazwe, wanikela kuMelkizedeki.
21 Wathi ukumkani waseSodom kuAbram: “Wathathe onke amaxhoba, undinike nje abantu bam.”
22 Wathi uAbram: “Ndiyafunga, uThixo uyazi, *uNdikhoyo uPhezukonke, umenzi wezulu nelizwe!
23 Andiyi kuthatha nto yakho konke, nditsho nokuba ngumsonto lo okanye umtya wembadada. Ndifuna ungaze utsho ukuthi: ‘UAbram watyetyiswa ndim.’
24 Mna andiyi kuthatha nto konke, ngaphandle nje kokutya okutyiwe ngabantu bam. Kodwa wona amakholwane am, uAnere noEshkoli noMamre, mabayifumane bona eyabo inxaxheba.”