4 Zaziphantsi koKedor-lahomere ishumi elinambini leminyaka. Zamvukela kodwa kulo weshumi elinantathu.
5 Kunyaka weshumi linane uKedor-lahomere namakholwane akhe badibanisa imikhosi yabo, bawachitha amaRafa eAshtaroti-karnayim, amaZuzi eHam, namaEma ethafeni laseKiriyatayim.
6 AmaHori bawadudula kwezo nduli zaseSeyire, bawasukela aya kutsho e-Elparan ngasentlango.
7 Babuyela eKadeshe, ekwakusithiwa yiEn-mishpati ngoko. Balihlutha lonke ilizwe lama-Amaleki nama-Amori awayemi eHazezon-tamare.
8 Zaphuma iikumkani zaseSodom, eGomora, eAdama, eZebhoyim, naseBhela, le kuthiwa yiZoware, zayikhupha imikhosi yazo ukusinga edabini kuloo ntili yaseSidim.
9 Zaqubisana apho ezi kumkani zintlanu neekumkani ezine: ooKedor-lahomere wase-Elam, noTidali waseGoyi, noAmrafele waseBhabheli, noAriyoki wase-Elasare.
10 Kuloo ntili kwakukho imihadi enetha. Zithe xa zibalekayo edabini iikumkani zaseSodom naseGomora, amanye amajoni eyela kuloo mihadi. Asindileyo abalekela ezintabeni.