7 Babuyela eKadeshe, ekwakusithiwa yiEn-mishpati ngoko. Balihlutha lonke ilizwe lama-Amaleki nama-Amori awayemi eHazezon-tamare.
8 Zaphuma iikumkani zaseSodom, eGomora, eAdama, eZebhoyim, naseBhela, le kuthiwa yiZoware, zayikhupha imikhosi yazo ukusinga edabini kuloo ntili yaseSidim.
9 Zaqubisana apho ezi kumkani zintlanu neekumkani ezine: ooKedor-lahomere wase-Elam, noTidali waseGoyi, noAmrafele waseBhabheli, noAriyoki wase-Elasare.
10 Kuloo ntili kwakukho imihadi enetha. Zithe xa zibalekayo edabini iikumkani zaseSodom naseGomora, amanye amajoni eyela kuloo mihadi. Asindileyo abalekela ezintabeni.
11 Iikumkani ezine zathimba yonke into eSodom naseGomora, zemka kunye nokutya.
12 ULothe unyana womninawa ka-Abram wayehlala eSodom, zamthimba kunye nempahla yakhe.
13 Kwabakho ndoda ithile yasindayo, eyabaleka yaya kuxelela uAbram umHebhere owayehlala ngakwimithi kaMamre umAmori. UMamre nabantakwabo uEshkoli noAnere babengamakholwane ka-Abram.