1 Emva koku uAbram waba nombono apho weva *uNdikhoyo esithi:“Uze ungoyiki, Abram,ndim oya kukukhusela;ikwandim oya kukubonelela kanobom.”
2 Uphendule wathi uAbram: “Mhlekazi Ndikhoyo, iya kundinceda ntoni loo nto? Yintoni ongandibonelela kuyo ndingenabantwana nje? Nàlo uza kuba yindlalifa yam nguElizere waseDamasko.”
3 Kwakhona uAbram uthe: “Akukho nzala undinike yona; ke sisicaka sam esiza kuba yindlalifa yam.”
4 Uthe ke uNdikhoyo ebhekisa kuAbram: “UElizere akayi kuba yindlalifa yakho. Ngunyana wakho nqo oya kuba yindlalifa yakho.”
5 UNdikhoyo wamkhuphela ngaphandle kwendlu uAbram, wathi: “Khangela esibhakabhakeni, uzibale iinkwenkwezi ezilapho, ukuba ungaba nako. Boba baninzi kangako abazukulwana bakho.”
6 UAbram walibeka kuNdikhoyo ithemba lakhe, waza ngenxa yoko wenziwa ilungisa.