6 UAbram walibeka kuNdikhoyo ithemba lakhe, waza ngenxa yoko wenziwa ilungisa.
7 Waqokela wathi kuye uNdikhoyo: “NdinguNdikhoyo owakukhupha kwilizwe lakowenu eUre yelamaKaledi, ukuze uze kuma kulo mhlaba, ube ngowakho.”
8 Ke yena uAbram wabuza wathi: “Mhlekazi Ndikhoyo, ndingaqonda njani ukuba lo mhlaba woba ngowam?”
9 Uthe uNdikhoyo: “Ndizisele ithokazi lenkomo, nemazi yebhokhwe, nenkunzi yegusha, zonke zibe minyaka mithathu, kunye nehobe nevukuthu.”
10 Weza nazo uAbram ezo zinto, wazahlula kubini, waza wazidwelisa, icala ngalinye lamelana nelinye. Iintaka zona akazange azahlule kubini.
11 Kwandanda amaxhalanga phezu kwaloo nyama yezo zinto, kodwa uAbram wawagxotha.
12 Ukutshona kwelanga wehliwa bobunzulu ubuthongo uAbram. Wangenwa luvalo naluloyiko.