10 Siphinde sathi: “Ndokunika abantwana abangenakubalwa mntu ngenxa yobuninzi babo.”
11 Isithunywa sikaNdikhoyo saqokela sathi:“Ukhulelwe nje uza kuzala inkwenkwe.Uze uthi nguIshmayeli igama layo,kuba kaloku uNdikhoyo uyivile intlungu yakho.
12 Kodwa yena unyana wakho uya kuziphatha okweqwarha;uya kuchasa wonke ubani,angafunwa ngumntu wonke naye.Uya kuhlala elikheswa phakathi kwabantu bakowabo.”
13 UHagare wathi khumnqa, wathi ke ukumbiza loo Ndikhoyo ambonileyo nguThixo obonayo, kuba esithi: “Ngoku ndimbonile ondibonayo.”
14 Yiyo ke loo nto abantu bathi loo mthombo uphakathi kweKadeshe neBherede ngumthombo kaPhila-endibonile.
15-16 UHagare wazala inkwenkwe, wathi ke uAbram igama layo nguIshmayeli. Wayemashumi asibhozo anesithandathu ubudala uAbram ukuzala kwakhe unyana.