1 Akuba mashumi asithoba anethoba ubudala uAbram, wabonakala kuye *uNdikhoyo, wathi: “Mna ndinguThixo uSomandla. Uze undithobele, uhlale ungasoleki.
2 Ndowugcina umnqophiso wam, ndikunike inzala eninzi.”
3 Wakhahlela uAbram, ubuso baya kuthi ngqu phantsi; waza uThixo waqhuba wathi:
4 “Ndikunika lo mnqophiso; ndithi uya kuba ngukhokho wezizwe ezininzi.
5 Akusayi kuthiwa Abram kuwe; uya kuba nguAbraham, kuba uza kuba ngukhokho wezizwe ngezizwe.
6 Ndiza kukupha inzala eninzi; abanye kuyo boba ziikumkani; kuya kuvela izizwe kuwe.