22 Akuba etshilo kuAbraham uThixo wemka.
23 Kwangaloo mini uAbraham wamthobela uThixo, wamalusa uIshmayeli nawo onke amanye amaduna emzini wakhe. Walusa izicaka ezazalelwa kwakhe, kwanezo zazithengiwe.
24 Ukwaluka kwakhe uAbraham wayemashumi alithoba anethoba ubudala.
25 Ukwaluka kwakhe uIshmayeli unyana ka-Abraham wayeneshumi elinesithathu leminyaka ubudala.
26 Bobabini baluka ngamini-nye,
27 kwakunye nezicaka zika-Abraham zonke.