4 “Ndikunika lo mnqophiso; ndithi uya kuba ngukhokho wezizwe ezininzi.
5 Akusayi kuthiwa Abram kuwe; uya kuba nguAbraham, kuba uza kuba ngukhokho wezizwe ngezizwe.
6 Ndiza kukupha inzala eninzi; abanye kuyo boba ziikumkani; kuya kuvela izizwe kuwe.
7 “Andiyi kuwujika umnqophiso wam endiwenze nawe kunye nenzala yakho; uya kuhlala uhleli. Ndoba nguThixo wakho nenzala yakho.
8 Lo mhlaba ungumfiki kuwo, ndiza kukunika wona uwume kunye nenzala yakho. Wonke umhlaba waseKanana uya kumiwa yinzala yakho ngalo lonke ixesha, mna ndibe nguThixo wabo.”
9 Waqokela wathi uThixo kuAbraham: “Nawe ke, kwakunye nenzala yakho ngokunjalo, ze niwugcine umnqophiso wam nakwizizukulwana ezizayo.
10 Nantsi into emaniyenze nina ukuwugcina kwenu umnqopiso wam: Wena kufuneka waluke, kwaluke lonke iduna phakathi kwabantu bakho.