1 *UNdikhoyo wabonakala kuAbraham ngakwimithi kaMamre. UAbraham wayehleli ngasemnyango wentente emini emaqanda.
2 Nako kusithi thu amadoda amathathu. Uthe ke ukuwabona kwakhe wakhawuleza ukuwahlangabeza, wafika waqubuda ekhahlela.
3 “Bahlekazi,” utshilo kuwo, “noko sanukudlula emzini wam ningakhanga nikhe nithule imithwalo. Kaloku ndikholo nina apha.
4 Ndinganiphathela amanzi, nikhe nihlambe iinyawo, lo gama nisaphumle phantsi kwalo mthi.