14 Niba kukho into enokuxaka uNdikhoyo? Bendithe ngeli xesha kunyaka ozayo ndobe ndibuye; uSara woba enomntwana oyinkwenkwe.”
15 USara wakhanyela, kuba wayesoyika, wathi: “Andikhange ndihleke.”Wathi yena: “Hayi, uhlekile.”
16 La madoda anduluka, ayivelela iSodom. UAbraham wayehamba nawo ewakhapha.
17 Uthe *uNdikhoyo: “Mandingayifihli kuAbraham into endifuna ukuyenza.
18 Inzala yakhe yoba sisizwe esikhulu, yaye ndozithamsanqelisa ngaye zonke izizwe.
19 Ndimtyumbele ukuze aqeqeshele abantwana bakhe kunye nabazukulwana bakhe ekundithobeleni nasebulungiseni. Xa besenjenjalo ndozizalisekisa izithembiso zam kuAbraham.”
20 Uqhube wathi kuAbraham uNdikhoyo: “Iyakhalazelwa iSodom neGomora ngenxa yobubi besono sayo.