3 “Bahlekazi,” utshilo kuwo, “noko sanukudlula emzini wam ningakhanga nikhe nithule imithwalo. Kaloku ndikholo nina apha.
4 Ndinganiphathela amanzi, nikhe nihlambe iinyawo, lo gama nisaphumle phantsi kwalo mthi.
5 Ndiza kuniphathela nento etyiwayo, ukuze nifumane amandla endleleni. Nakuthi ke nandule ukuhamba loo ndlela yenu inidlulise ekhaya apha.”Athe ke wona amadoda: “Ngxatsho ke, ungénjenjalo.”
6 UAbraham wakhawuleza ukungena ententeni, wafika wathi kuSara: “Khawuthathe izitya ezithathu zomgubo wengqolowa, uxove wenze amaqebengwana, ukhawulezise.”
7 Watsho ekhawulezile uAbraham ukuya ezinkomeni, wafika wakhetha elona lityebileyo ithole, wathi malixhelwe ngokukhawuleza.
8 Wathatha amasi anengqaka nenyama leyo, wabeka phambi kwaloo madoda, azenzela apho phantsi kwaloo mthi, emi apho yena ngakuwo.
9 Ambuza athi: “Uphi na umkakho uSara?”Wathi: “Usendlwini.”