9 Ambuza athi: “Uphi na umkakho uSara?”Wathi: “Usendlwini.”
10 Lwathi olunye undwendwe: “Malunga neli xesha kunyaka ozayo ndobe ndibuye. USara umkakho woba enomntwana oyinkwenkwe.”USara wabavela emi emva kwabo ngasemnyango.
11 Bobabini, uAbraham noSara, babesebaluphele kakhulu, uSara selegqithile kwixabiso lokuzala.
12 Wahleka yedwa ke uSara, wathi: “Sendigqithile kwixabiso lokuzala, kanti nomyeni wam selaluphele.”
13 Uthe uNdikhoyo kuAbraham: “Uhleka ntoni uSara, ade athi: ‘Ndingamfumana njani umntwana sendaluphele nje?’
14 Niba kukho into enokuxaka uNdikhoyo? Bendithe ngeli xesha kunyaka ozayo ndobe ndibuye; uSara woba enomntwana oyinkwenkwe.”
15 USara wakhanyela, kuba wayesoyika, wathi: “Andikhange ndihleke.”Wathi yena: “Hayi, uhlekile.”