18 “Hayini noko, nkosi,” utshilo uLothe, “sanukundenjenjalo.
19 Sele undincedile kakade ngokundisindisa; noko kukude kakhulu phaya endulini. Le ntlekele isenokundifumana, ndife singekafiki nalapho.
20 Uyayibona laa dolophana? Ikufuphi noko yona. Yidolophana nje engenkulu. Mna ndithi ngesele ndisiya khona ukuze ndikhuseleke.”
21 Sithe isithunywa: “Kulungile ke. Andiyi kuba sayitshabalalisa loo dolophana uthetha ngayo.
22 Kodwa ke khawuleza ukuya apho, kuba akukho nto ndinokuyenza de ube ulapho.” Yiyo ke loo dolophu kuthiwa yiZoware.
23 Laliseliphumile ilanga ukufika kukaLothe eZoware.
24 *UNdikhoyo wathobela isalfa evuthayo phezu kweSodom neGomora,