12 Kulapho kufunyanwa khona igolide, kunye namakha avumba limnandi, kwakunye namatye exabiso.
13 Owesibini umlambo yiGihoni; wona ujikeleze ilizwe lakwaKushe.
14 Owesithathu umlambo yiTigre; wona ucanda ngasempumalanga yeAsiriya. Owesine yiEfrati.
15 Umntu wabekwa nguNdikhoyo uThixo emyezweni waseIdeni ukuze awulime, awulondoloze.
16 UThixo wathi kuye: “Ungatya nakuwuphi na umthi osemyezweni;
17 kodwa uze ungatyi kumthi wokucalula okubi nokuhle. Mhla watya kuwo ngenene uya kufa.”
18 Uthe ke uNdikhoyo uThixo emva koko: “Akukuhle ukuba le ndoda ihlale ililolo. Kuhle ndiyenzele umlingane onokuncedisana nayo.”