3 Wawuthamsanqelisa umhla wesixhenxe, wawumisa wangumhla okhethekileyo, kuba ngaloo mhla wayeselegqibile ukudala.
4 Nanga amagqabantshintshi ngokudalwa kwezulu nehlabathi: Ekudalweni kwezulu nehlabathi nguThixo *uNdikhoyo
5 kwakungekho zityalo emhlabeni. Kwakungekho nambewu intshulayo, kuba kaloku wayengekayinisi emhlabeni imvula uNdikhoyo; kwakungekho namntu wakuwulima umhlaba lowo.
6 Kwagqabhuka amanzi emhlabeni, awunyakamisa umhlaba.
7 UNdikhoyo uThixo wacaphula umhlaba emhlabeni, wabumba umntu ngawo. Waphefumlela umoya obubomi emathatheni akhe, yaba ngumntu ophilayo lowo.
8 Emva koko uNdikhoyo uThixo wenza umyezo eIdeni empumalanga, wambeka apho loo mntu wayemenzile.
9 Wahlumisa iindidi zemithi emihle eneziqhamo ezinomtsalane apho eIdeni. Phakathi esidikidikini somyezo kwakukho umthi onika ubomi, nomthi wokucalula okubi nokuhle.