7 UNdikhoyo uThixo wacaphula umhlaba emhlabeni, wabumba umntu ngawo. Waphefumlela umoya obubomi emathatheni akhe, yaba ngumntu ophilayo lowo.
8 Emva koko uNdikhoyo uThixo wenza umyezo eIdeni empumalanga, wambeka apho loo mntu wayemenzile.
9 Wahlumisa iindidi zemithi emihle eneziqhamo ezinomtsalane apho eIdeni. Phakathi esidikidikini somyezo kwakukho umthi onika ubomi, nomthi wokucalula okubi nokuhle.
10 Kwakukho umlambo owawuphuma apho eIdeni, unyakamisa umyezo lowo. Wawusahlukana ube yimilambo emine wakuyishiya i-Ideni.
11 Owokuqala umlambo, okuthiwa yiPishoni, ngulo ujikeleze ilizwe lakwaHavila.
12 Kulapho kufunyanwa khona igolide, kunye namakha avumba limnandi, kwakunye namatye exabiso.
13 Owesibini umlambo yiGihoni; wona ujikeleze ilizwe lakwaKushe.