18 Zonke izizwe emhlabeni zothamsanqeliswa ngenzala yakho. Iyonke loo nto kungenxa yokundithobela kwakho.’ ”
19 UAbraham wabuyela kwizicaka zakhe, bonke baphindela eBheshebha apho waba ngummi khona.
20 Emva kwexesha uAbraham weva ukuba uMilika uzalele uNahore umninawa wakhe abantwana abasibhozo.
21 Yayingu-Uzi izibulo, yaba nguBhuzi, kweza uKamweli uyise ka-Aram.
22 Kulandele uRhesedi, noHazo, noPildashe, noJidelafu, kunye noBhetuweli.
23 UBhetuweli wazala intombi uRabheka. Aba bantwana basibhozo bazalwa nguMilika umka-Nahore umninawa ka-Abraham.
24 Iqadi likaNahore, uRewuma, lazala uTebha, noGaham, noTahashe, kunye noMahaka.