1 USara uhleli wade wanekhulu elinamashumi amabini anesixhenxe ubudala.
2 Ubhubhele eKiriyati-arbha, ekuthiwa yiHebron, kwelaseKanana. Waba buhlungu uAbraham, wamzilela umkakhe.
3 UAbraham wesuka apho wafela khona umkakhe, waya kumaHeti. Ufike wathi kubemi balapho:
4 “Ndingumfiki nomhambi apha; ndinikeni indawo apho ndingamngcwabela khona umkam.”
5 Athe ukuphendula uAbraham amaHeti:
6 “Phulaphula, mhlekazi, kuthi uyinkosi. Siyakukhululela; ungamngcwaba umfikazi kweyona ndawo uyithandayo.”
7 Waphakama uAbraham, wakhahlela kumaHeti,