10 Yilaa ntsimi uAbraham wayeyithenge kumaHeti. Wangcwatyelwa apho ke kuloo ndawo wayengcwatywe kuyo uSara umkakhe.
11 Akubhubha uAbraham, uThixo wamthamsanqelisa uIsake unyana wakhe owayemi ngasemthonjeni kaPhila-endibonile.
12-13 Naba oonyana bakaIshmayeli unyana ka-Abraham owazalwa nguHagare umJiputakazi owayesisicakakazi sikaSara. Badweliswe ngokuvela kwabo. NguNebhayoti, noKedare, noAdebhele; uMibhesam,
14 uMishma, noDuma, noMasa;
15 uHadadi, noTema; uJeture, noNafishe, noKedama.
16 Ngoonyana bakaIshmayeli ke abo, izizwana ezilishumi linambini. Iilali zabo nezikhululo zabo zathiywa ngamagama abo.
17 UIshmayeli wabhubha enekhulu linamashumi mathathu anesixhenxe ubudala.