18 Isizukulwana sakhe saya kuma kulaa mhlaba uphakathi kweHavila neShure, ngasempumalanga yeJiputa xa ujonge eAsiriya. Babemi bethe geqe kwabanye abazukulwana baka-Abraham.
19 Nanga amagqabantshintshi ngoIsake unyana ka-Abraham.
20 UIsake wayeselemashumi mane eminyaka ubudala ukuthatha kwakhe uRabheka, intombi kaBhetuweli, umAram wasePadan-aram, ekwangudade boLabhan.
21 URabheka wayengazali; uIsake wamthandazela *kuNdikhoyo. Weviwa umthandazo wakhe nguNdikhoyo, wathatha uRabheka.
22 Wayekhulelwe amawele, ekwathi engekaveli avukelana esesesizalweni sikanina. Wathi uRabheka: “Sisimanga sini esi sindihlelayo?” Wabhenela kuNdikhoyo ukuba amkhanyisele. Wathi kuye uNdikhoyo:
23 “Uthwele izizwe ezibini;uya kuzala iintlanga ezahlukeneyo,olunye longamele olunye,omkhulu abe phantsi komncinci.”
24 Lakufika ixesha lakhe lokukhululeka, wazala amawele.